Go to full page →

Isahluko 30—Uvuko LukaKristu IL 207

ABAFUNDI baphumla ngeSabata, belusizi ngenxa yokufa kweNkosi yabo, logama uYesu, uKumkani wozuko, wayelele enchwabeni. Kwa kusondela ukuhlwa, kwamiswa amasoldathi ukuba alinde indawo yokuphumla komSindisi, logama izithunywa zezulu, zingabonwa, zaziphaphazela phezu kwaloondawo ingcwele. Ubusuku bahambha kancinane, kwaza kusemnyama izithunywa ezilindileyo zazi ukuba ilixa lokukhululwa koNyana kaThixo oyintanda, umPhathi wazo othandekayo, se likufuphi. Xa zazilindele ngemfesane eyendeleyo iyure yoloyiso lwakhe, kweza isithunywa esinamandla siphaphazela ngokukhauleza sivela ezulwini. Ubuso baso babufana nombane, neengubo zaso zifana nekhephu. Ukukhanya kwaso kwabuchitha ubumnyama endleleni yaso kwazibanga izithunywa ezikhohlakeleyo, ezawubanga ngokuqhayisa umzimbha kaYesu, ukuba zisabe zisoyika phambhi kokubengezela nobuqaqauli baso. Esinye sezithunywa zezulu ezazikubonile ukucinezelwa kukaKristu, saza sayilinda indawo yakhe yokuphumla, sathelela kwisithunywa esivela ezulwini, zaza zozibini zaya enchwabeni. Umhlaba wadidizela zakuba zisondela, kwabakho inyikima enkulu. IL 207.2

Abalindi bamaRoma bathiwa hlasi luloyiko. Aye phina ngoku amandla awo okuwugcina umzimbha ka-Yesu? Awacinga ngomsebenzi wawo okanye ngabafundi beemba besimka naye. Kwakuba ukukhanya kwezithunywa kubengezela macala onke kubo, ngaphezu kokwelanga, aabo balindi bamaRoma bawa phantsi emhlabeni baba njengabafileyo. Esinye sezithunywa salibambha ilitye elikhulu saliqengqa lesuka emnyango wenchwaba sahlala phezu kwalo. Esinye sangena enchwabeni sayikhulula iqhiya entloko kaYesu. IL 209.1