Go to full page →

Ukudubeka Kombulali kaKristu IL 215

Zakuba iindaba zisasazwa kwizixeko ngezixeko nakwiidolophu ngeedolophu, amaJuda kwelawo icala oyikela ubomi bawo aza ayifihla intiyo awayenayo ngakubafundi. Ekuphela kwethembha labo laba lelokusasaza udaba lwabo lobuxoki. Baza aabo banqwenela obubuxoki ukuba bube yinyaniso babamkela. UPilato wathuthumela akuva ukuba uKristu uvukile. Akabanga nako ukubuthandabuza ubunqhina obunikiweyo, waza ukuthabathela kweloxesha uxolo lwamshiya ngonaphakade. Ngenxa yembheko yasemhlabeni, nangenxa yokoyika ukulahlekwa ligunya lakhe nabubomi bakhe, wamnikela uYesu ukuba afe. Wayanelisiwe ngoku ngokupheleleyo ukuba waye netyala ngegazi lomntu ongenguye mntu nje omsulwa kodwa owaye nguNyana kaThixo. Bababubi kwada kwase kupheleni kwabo ubomi bukaPilato. Ukuncama nentlungu zalityumza lonke ithembha, noluvo oluvuyisayo. Waala ukuthuthuzeleka wafa ngokufa okubi ngokungathethekiyo. IL 215.1