Go to full page →

Amathuba Obumnyama IL 297

Ukunyukela kwebandla laseRoma emagunyeni kwaphaula ukuqalisa kwamaThuba obuMnyama. La- kuba igunya lalo likhula, ubumnyama banda. Ukholo lwashenxiswa kuKristu, oyena usisiseko senyaniso, lwasiwa kwipopi yaseRoma. Endaweni yokuthembhela kuNyana kaThixo ngenxa yoxolelo lwezoono nangenxa yosindiso olungunaphakade, abantu bakhangela ku-popi nakubabingeleli nabafundisi abagunyaziswe nguye. Bafundiswa ukuba u-popi ungumlamleli wabo, nokuba akukho namnye unokuya kuThixo ngaphandle kokuba aye ngaye, nokuba, kanjalo, umi esikhundleni sikaThixo kubo, ngako oko ke umelwe kukuthotyelwa ngaphandle kombuzo. Ukuphambhuka kulemiyalelo yakhe kwa kusisizathu esaneleyo sokuba aabo bangawuthobeliyo banikwe esona sohlwayo silukhuni emizimbheni nasemiphefumlweni. IL 297.3

Ngalendlela ke iingqondo zabantu zajikwa zemka kuThixo zasiwa ebantwini abaphosisayo, abanxaxhayo, nabakhohlakeleyo — ewe, ngaphezu koko, zasiwa kwitshawe lobumnyama ngokwalo, elalisebenzisa igunya lalo ngabo. Isoono safihlwa ngengubo yobungcwele. Zakuba iziBhalo Ezingcwele ziflhliwe, nomntu wafikelela ekuzicingeleni ukuba uyinganga, singalindela kuphela ubugqwetha, inkohliso, nenkohlakalo ehlazisayo. Ngokuphakanyiswa kwemithetho nezithethe zabantu kwabonakalaliswa ukonakala okusoloko kwaba sisiqhamo sokuwubeka bucala umthetho kaThixo. IL 298.1