Go to full page →

Isahluko 55—Umgangatho Owomeleleyo IL 345

NDABONA ibandla elema likhuselwe ngokunamandla nelomeleleyo, lingabananze nganto aabo babezama ukuluxenga-xengisa ukholo oluzinzileyo lwelibandla. UThixo walikhangela ngokwaneliseka. Ndaboniswa amanyathelo amathathu — izigidimi zeengelosi esokuqala, esesibini, nesesithathu. Sathi kum isithunywa esasindipheleka, “Yeha kulowo uyakushenxisa isigodo okanye oya kushukumisa isikhonkwane kwezi zigidimi. Ukuziqonda ngenene ezi zigidimi kubalulekile kakhulu. Ikamva lemiphefumlo lixhomeke phezu kwendlela ezamkelwa ngayo.” IL 345.3

Ndibuye kwakhona ndaboniswa ezizigidimi ndaboniswa ixabiso eliphakamileyo abantu bakaThixo abawathenga ngalo amava abo. Ayefunyenwe ngokubandezeleka okukhulu nedabi eloyikekayo. UThixo waye bakhokele inyathelo ngenyathelo, wada wababeka phezu komgangatho owomeleleyo ongashukumiyo. Ndibone abangabanye besondela kulomgangatho besicikida isiseko. Abanye ngokuvuya bakhwela kwa oko phezu kwawo. Abanye baqalisa ukubona iziphoso kwesisiseko. Baafuna kwenziwe iinguqulelo, ukuze umgangatho ugqibelele nabantu bavuye ngaphezulu. IL 346.1

Abanye behla kulomgangatho ukuba bawucikide, baza bathi usekwe kakubi. Kodwa ndibonile ukuba phantse bonke berna nkqi phezu komgangatho babayala aabo babehlile ukuba bazipheze izikhalazo zabo; kuba iChule lomAakhi nguThixo wawo, balwa naye ke ngoko. Bawubalisa umsebenzi ongummangaliso kaThixo, owabakhokelela kulomgangatho womeleleyo, baza bemanyene bawaphakamisela phezulu ezulwini amehlo abo baza ngezwi elikhulu bamzukisa uThixo. Oku kwayichukumisa inxalenye yaabo babewushiyile umgangatho, baza benokuzithoba bakhwela kwakhona kuwo. IL 346.2