Go to full page →

Isifundo Salemihla Yethu IL 113

Ukungakholwa nokukrokra koonyana bakaSirayeli kungumzekeliso wabantu bakaThixo abasemhlabeni ngoku. Baninzi abakhangela emva kubo, bakhwankqiswe kukungakholwa nokuphikela ukukrokra kwabo, emva kokuba uYehova ebenzele okukhulu kangaka, ngokubanika ubunqhina obuphinda-phindiweyo botha- ndo nokubakhathalela kwakhe. Bacinga ukuba bona babe ngayi kufunyanwa bengenambulelo. Kanti abanye bethu abacamanga ngoluhlobo bayakrokra bekhalaza ngeentwana ezincinane kunezo. Abazazi bona ngokwabo. UThixo ubacikida futhi, aluvavanye ukholo lwabo ngeentwana ezincinane; baze bangakunyamezeli ukulingwa kanye njengoko uSirayeli wamandulo engazange anyamezele. IL 113.4

Baninzi abantswelo zabo zakalokunje ezaneliswayo; kanti noko abamthembhi uYehova ngekamva. Babonakalisa ukungakholwa badakumbhe batyhafe yintswelo abayibona ngathi iyeza. Abanye basoloko besekukhathazekeni bokuba hleze bafikelwe yintswelo baze abantwana babo babandezeleke. Zakufika iinzima okanye xa besengxingweni — xa ukholo lwabo nokumthanda kwabo uThixo kuvavanywa — bayarwaqela ekulingweni bayikhalazele eyona ndlela uThixo anyule ukubenza nyulu ngayo. Uthando lwabo alufumaneki lunyulu lugqibelele, ukuba luzithwale izinto zonke. IL 115.1

Ukholo lwabantu bakaThixo wezulu lumelwe kukomelela, lukhuthale, lunyamezele — ukukholosa ngezintu ezithenjiweyo. Iya kwandula ke intetho yaabo banjalo ukuba yethi, “Mbonge uYehova, mphefumlo warn, ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kum,” ngokuba impatho yakhe ibentle kum. IL 115.2

Ukuzeyisa kubalelwa ngabanye ukuba kukubandezeleka kwenene. Ilithe elonakeleyo liyaneliswa. Nokuthintwa kwelithe lezinto ezinganiki mpilo kungabakhokelela naabo bazibiza ukuba bangamaKristu ukuba ngoku bajike umva, ngokungathi baya kufunyanwa yindlala yenene ukuba balandele ulungiselelo olulula lokutya. Bathi, njengoonyana bakaSirayeli, baxolele ubukhoboka, imizimbha ezaliswe kukufa, bade baxolele kwa nokufa, endaweni yokuba balunyulwe neembhiza zamafutha. Sisonka namanzi kuphela esidingwe kumasalela ngethuba lembhandezelo. IL 115.3