Go to full page →

Ilifu Elikhokelayo IL 139

UYehova wawakhokela amaSirayeli kuzo zonke iihambho zawo zokuphumela entlango. Xa kubalungele abantu kwa nozuko lukaThixo ukuba bazimise iintente zabo ndaweni ithile bahlale apho, uYehova wayibonisa intando yakhe kubo ngokuhlala kwentsika yomlilo kanye phezu komnquba. Ihlale ke apho ade uYehova afune ukuba banduluke kwakhona. Be linyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke ke kwakhona. IL 139.2

Ekuhambheni kwabo bagcina ulungelelwano olufezekileyo. Isizwe ngasinye sathwala imbhasa, inophau lwendlu yoyise kuyo, saza isizwe ngasinye sayalelwa ukuba simise iintente ngakwimbhasa yaso. Ekuhambheni kwabo izizwe ngezizwe zahambha ngolungelelwano, isizwe ngasinye phantsi kwembhasa yaso. Bakuphumla eluhambheni lwabo, umnquba wamiswa, zaza ke izizwe ngezizwe zamisa iintente zazo ngolungelelwano, kanye ngokwendlela uYehova ayalele ngayo, zangqonga umnquba, zathi qelele kuwo. IL 139.3

Ekuhambheni kwabantu, ityeya yomnqophiso yathwalwa yahambha phambhi kwabo. “Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni. Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova: zichitha-chithe iintshaba zakho, basabe phambhi kwakho abakuthiyayo: kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova kumawaka aamawaka akwaSirayeli.” IL 139.4