Go to full page →

USirayeli Ekrokra Kwakhona IL 141

“Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ngobo busuku. Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseJiputa! Akwaba besifele nakule ntlango! Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eJiputa? Batshono ukuthi, Ma sizimisele umphathi, sibuyele eJiputa. Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambhi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.” IL 141.1

AmaSirayeli awanelanga ukuvakalisa ukukhalazela kwawo uMoses kodwa akhalazela uYehova ngokwakhe ngokusebenza ngenkohliso nawo ngokubadinga ngelizwe awayenge nakulizuza. Lo moya wovukelo apha waphakama kakhulu, ngangokuba, beyilibala ingalo enamandla yOnamandla onke eyabakhuphayo ezweni laseJiputa wabakhokela kwada kwaza kuba lapha ngoludwe lwemimangaliso, bagqiba ukuba banyule umphathi wokubakhokela babuyele eJiputa, apho babe ngamakhoboka khona bathwala iimbhandezelo ezininzi kangaka. Bazinyulela umphathi, bamsusa ngako oko uMoses, inkokeli yabo enonyamezelo, nelulamileyo; bamkrokrela ngokukrakra uYehova. IL 141.2

UMoses noAron bawa ngobuso phambhi koYehova phambhi kwesikhungu sonke sebandla loonyana baka-Sirayeli, bambongoza uThixo ngenxa yababantu bazaliswe luvukelo. Kodwa ukudaniswa kwabo nentlungu yabo yayinkulu ngangokuba ingabi nakuthethwa. Bahlala njalo bewe ngobuso babo bezolile. UKalebi noYoshuwa bazikrazula iingubo zabo ukubonisa usizi lwabo olukhulu. “Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo salihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene. Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi. Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukoboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.” IL 141.3

“Umthunzi wabo umkile kubo.” Oko kukuthi amaKanan awuzalisile umlinganiselo wenkohlakalo yawo, ukhuselo lukaThixo kuwo lususiwe, abe wona eziva ekhuseleke mpela engazilungiselelanga mfazwe; kube, ngokomnqophiso kaThixo, ilizwe elo liqinisekiswe kuthi. Endaweni yokuba lamazwi asebenze ooko kwakulindelekile ebantwini, alwandisa, uvukelo lwabo oluqinisekileyo. Baba nomsindo badanduluka ngesikhalo esikhulu nesomsindo ukuba uKalebi noYoshuwa ma baxulutywe ngamatye, enge kwakwenziwe ooko ukuba uThixo wayengalamlanga ngembhonakalaliso ebaluleke ngokukodwa yobuqaqauli bakhe oboyikekayo emnqubeni wokuhlangana phambhi kwabo bonke oonyana bakaSirayeli. IL 142.1