Go to full page →

UmThetheleli Womkhosi kaYehova IL 155

Akuba uYoshuwa ethe gubucala kwimikhosi yooSirayeli, ukuba akhe acamngce athandazele ubukho obubodwa bukaThixo ukuba bumpheleke, wabona indoda esithomo siphakamileyo, ivethe izinxibo zemfazwe, ithe kruthu ikrele layo ngesandla. UYoshuwa akayifanisanga nandoda yasemikhosini yakwaSirayeli, kanti noko yayingenankangeleko yokuba lutshaba. Ebushushwini bakhe waya kuyo, wathi, “Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na? Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo? Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula imbhadada zakho ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. Weenje njalo ke uYoshuwa.” IL 155.4

Lo waye ngesiso isithunywa nje. Waye yiNkosi uYesu Kristu, lowo wayekhokele amaHebere ukuphumela entlango, egutyungelwe entsikeni yomlilo ebusuku nasemqulwini welifu emini. Indawo leyo yayenziwe ngcwele bubukho bakhe ; ngako oko ke uYoshuwa wayalelwa ukuba akhulule imbhadada zakhe. IL 156.1

UYehova wamyalela ke uYoshuwa indlela amakasebenze ngayo ukuze ayithimbhe iJeriko. Onke amadoda okulwa ma kayalelwe ukuba asijikeleze isixeko eso kanye ngemini imihla emithandathu, ukuze ngomhla wesixhenxe ayijikeleze iJeriko izihlandlo ezisixhenxe. IL 156.2