Go to full page →

Esitiyeni IL 189

Ndambona uYesu esesitiyeni kunye nabafundi bakhe. Esentlungwini enkulu wabayalela ukuba balinde bathandaze, ukuze bangangeni ekuhendweni. Wayesazi ukuba ukholo lwabo luza kuvavanywa namathembha abo adaniswe, nokuba babeza kuwafuna onke amandla abo ababe nokuwafumana ngokulinda okunyamekileyo nangokuthandaza okushushu. Ngezincwino ezibukhali nokugcuma, uYesu wathandaza, esithi, “Bawo, ukuba uya vuma, ma idlule lendebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, ma kube kokwakho okwenzekayo.” Luka 22: 42. UNyana kaThixo wathandaza esentlungwini. Amathontsi amakhulu egazi ahlanganisana ebusweni bakhe awa phantsi emhlabeni. Izithunywa zezulu zaziphaphazela phezu kwaloo ndawo, zingamanqhina alombono, kodwa saba sinye kuphela esayalelwa ukuba simomeleze uNyana kaThixo entlungwini yakhe. Kwa kungekho luvuyo ezulwini. Izithunywa zaziphosa phantsi izitsaba zazo neehadi zazo zaza ngonyameko olunzulu zamkhangela ngokuthe-cwaka uYesu. Zazinga zingamngqonga uNyana kaThixo, kodwa izithunywa ezongameleyo azizivumelanga, hleze, zakuba zibona ukungcatshwa kwakhe, zisuke zimhlangule; kuba icebo lalilungiselelwe, laye lalimelwe kukuba lizaliseke. IL 189.2

Emva kokuba uYesu ethandazile wabuyela kubafundi bakhe, kodwa babelele. Ngaloo yure yoyikekayo akalufumananga uvelwano nemithandazo neyabafundi bakhe kanye. UPetros owaye nobushushu obungaka ixeshana nje elincinane ngaphambili, waye sebuthongweni obunzulu. UYesu wamkhumbhuza ngeziqinisekiso zakhe ezitsolileyo wathi kuye, “Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?” Mateyu 26: 40. Izihlandlo ezithathu uNyana kaThixo wathandaza esentlungwini. IL 190.1