Go to full page →

18—Unyango Lwengqondo UL 186

Ulwalamano olukhoyo phakathi kwengqondo nomzimba lusondele kakhulu. Xa enye ichanekile, enye iba novelwano. Imeko yengqondo ichana impilo kakhulu kunokuba abaninzi benakana. Izifo ezininzi abagula zizo abantu ziziziphumo zokuxinzeleka kwengqondo. Intlungu, ixhala, ukunganeliseki, ukuzisola, ityala, ukungathembi, konke kunokuwaqoba amandla obomi kumeme ukonakala nokufa. UL 186.1

Isifo ngamanye amaxesha sibakho, kwaye sikhule ngakumbi, kukucinga. Abaninzi bayimilwelwe ubomi babo bonke abangeba baphila ukuba nje babengakucinga oko. Abaninzi banengcinga yokuba ukuchanwa [yingqele] nje kancinane kunokubenza bagule, size isiphumo esibi sibekho kuba silindelwe. Abaninzi bayafa sisifo esibangwa kukusicingela. UL 186.2

Isibindi, ithemba, ukholo, uvelwano, uthando, ezo zinto zikhulisa impilo zibenze bude ubomi. Ingqondo eyanelisekileyo, umoya ochulumancileyo, yimpilo emzimbeni namandla emphefumlweni. “Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise.” IMizekeliso 17:22. UL 186.3

Ekunyangeni abagulayo, igalelo lefuthe lengqondo akufuneki lingajongwa. Xa lisetyenziswe ngendlela eyiyo, eli futhe linika elinye lezenzeleleli ezinefuthe ekulweni nesifo. UL 186.4