Go to full page →

21—Ulwazi Ngempilo KuiSrayeli UL 215

Kwimfundiso uThixo awayinika uSirayeli, ukugcinwa kwempilo kwafumana ingqwalaselo ngobunono kakhulu. Abantu ababephuma ebukhobokeni benemikhwa enokungacoceki nengenampilo ehamba nobukhoboka, banikwa eyona ngqeqesho ingqongqo entlango ngaphambi kokuba bangene eKanan. Imithetho-siseko yempilo yafundiswa yaza imithetho yococeko yanyanzeliswa. UL 215.1