Kwimfundiso uThixo awayinika uSirayeli, ukugcinwa kwempilo kwafumana ingqwalaselo ngobunono kakhulu. Abantu ababephuma ebukhobokeni benemikhwa enokungacoceki nengenampilo ehamba nobukhoboka, banikwa eyona ngqeqesho ingqongqo entlango ngaphambi kokuba bangene eKanan. Imithetho-siseko yempilo yafundiswa yaza imithetho yococeko yanyanzeliswa. UL 215.1