Go to full page →

27—Uthengiso-Tywala Nothintelo Lwalo UL 262

“Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; . . . othi, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola! Unobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? . . . ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe; asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko.” Yeremiya 22:13-17. UL 262.1