Go to full page →

Ukukhathalela Abantwana Abagulayo UL 302

Kwiimeko ezininzi ukugula kwabantwana kunokulandwa emva kwiimpazamo zokulawula. Ukungazinzi kwamaxesha okutya, ukunganeli kwempahla ngobusuku obunengqele, ukunqongophala kovonyavonyo lomzimba ukugcina igazi lisempileeni libaleka, okanye ukungabikho komoya owaneleyo wokuba ungahlambuluka, konke kunokuba ngunobangela wenkathazo. Abazali mabafunde ukufumana imbangi yokugula, baze balungise iimeko ezingalunganga kamsinya kangangoko banako. UL 302.2

Bonke abazali kubo banawo amandla okufunda okuninzi okungokukhathalela nokukhusela, kwakunye nokunyanga isifo. Kungakumbi ukufuneka ukuba umama azi ukuba makenze ntoni kwiimeko eziqhelekileyo zokugula elusatsheni lwakhe. Ufanele ayazi indlela yokulungiselela kumntwana wakhe ogulayo. Uthando lwakhe nembono yakhe zifanele ukumenza ukuba ayenze le misebenzi kuba ingenako ukuyekelwa esandleni sowasemzini. UL 302.3