Go to full page →

36—Ingozi Yolwazi Oluqashelayo UL 339

Obunye bobona bubi bukhulu kakhulu kukunxanelwa ulwazi, ukuphanda kwesayensi, ukuthambekela ekuphakamiseni ukuqiqa komntu ngaphezu kwelona xabiso elililo lwako nalapho kuhamba khona. Abaninzi bazama ukutyhola uMdali nemisebenzi yaKhe engokungagqibeleli kolwabo ulwazi lwesayensi. Bazama ukuqonda indalo neempawu kakunye namalungelo kaThixo, baze baziyekele kwiingcingane eziqashiselayo ngokubhekiselele kOngunaphakade. Abo bangene kweli khondo lemfundo banyathela kumhlaba owalelweyo. Uphando lwabo alusayi kuba naziphumo zizizo kwaye zinokuqhutywa kuphela ngokubekwa engozini kwemiphefumlo. UL 339.1

Abazali bethu bokuqala bakhokelelwa esonweni ngokuziyekela kumnqweno wolwazi awayelubambile uThixo ngakubo. Ekufuneni ukuzuza olu lwazi, balahlekwa kuko konke ekwakubalulekile ukuba babe nako. Ukuba uAdam noEva babengazange bawuchukumise umthi owalelweyo, uThixo wayeza kubanika ulwazi—ulwazi ekwakungekho siqalekiso sasono phezu kwalo, ulwazi olwaluya kuzisa kubo uvuyo olungunaphakade. Into abasuka bayizuza bakuba bephulaphule umhendi yaba kukuqhelana nesono kunye neziphumo zaso. Ngokungathobeli kwabo, uluntu lwaba nobutshaba noThixo waza umhlaba wahlukana nezulu. UL 339.2

Sinesifundo apha. Umhlaba uSathana awakhokelela kuwo abazali bethu bokuqala ikwangulowo alobela kuwo abantu namhlanje. Uzalisa umhlaba ngeentsomi ezikholisayo. Ngalo lonke icebo analo, uyabalinga abantu ukuba baqashisele ngokubhekiselele kuThixo. Ngaloo ndlela uzama ukubathintela ekuzuzeni olo lwazi ngoThixo lulusindiso. UL 339.3