Go to full page →

37—Okububuxoki Nokuyinyaniso Emfundweni UL 351

Ungqondo-ngqondo kwintlanganisela yobubi uhlala esebenza ukuwasithelisa amazwi kaThixo, nokuveza iimbono zabantu. Uzimisele ukuba singaze silive izwi likaThixo, xa lisithi, “Nantsi indlela, hambani ngayo.” Isaya 30:21. Ngeenkqubo ezigqwethekileyo zemfundo, wenza konke anako ukusithelisa ukukhanya kwezulu. UL 351.1

Ulwazi lokuqashelisa nophando lwesayensi apho uThixo engajongelwa ntweni lwenza amawaka abathandabuzi. Kwizikolo zanamhlanje, izigqibo ezenziwa ngamadoda afundileyo aziziphumo zophando lwesayensi yawo zifundiswa ngononophelo zichazwe ngokuzeleyo; lo gama imbono inikwa ngokucacileyo ethi, ukuba la madoda afundileyo ayalungisa, iBhayibhile ayingeke ibe iyalungisa. Ukuthandabuza kunomtsalane engqondweni yomntu. Ulutsha lubona kuko ukuzimela wedwa buthimba ingcamango, luze lukhohliseke. USathana uyoyisa. Uyayondla yonke imbewu yentandabuzo ehlwayelwe ezintliziyweni eziselula. Uyenza ukuba ikhule ithwale isiqhamo, kuthi kwangoko isivuno esininzi kakhulu sokungakholwa sivunwe. UL 351.2

Kungokuba intliziyo yomntu ikekelele kokubi le nto kuyingozi kakhulu ukuhlwayela imbewu yentandabuzo kwiingqondo eziselula zabantu abatsha. Nokuba yintoni edodobalisa ukholo kuThixo ihlutha umphefumlo amandla okumelana nesihendo. Isusa isikhuselo senene ekuphela kwaso ekulweni nesono. Siyazidinga izikolo apho ulutsha luya kufundiswa ubukhulu obuquka ukuzukisa uThixo ngokuvezwa kwesimilo saKhe ebomini bemihla ngemihla. Ngelizwi laKhe nangemisebenzi yaKhe sidinga ukufunda ngoThixo, ukuba ubomi bethu bunako ukuyizalisekisa injongo yaKhe. UL 351.3