Ukulungisela umsebenzi womKristu, abaninzi bacinga ukuba kulungile ukuzuza ulwazi loncwadi olungembali nemfundo ngoThixo. Bacinga ukuba olulwazi luya kuba luncedo kubo ekufundiseni iindaba ezilungileyo. Kanti ke, ukuphengulula nzima iimbono zabantu kukekelela ekudodobaliseni ulungiselelo lwabo, kunokulomeleza. Ndithi xa ndibona amathala eencwadi ezele yimiqulu enzima yembali nemfundo ngoThixo, ndicinge, kungani ukuba kuchithwe imali ngento engesiso isonka? Isahluko sesithandathu sikaYohane sisixelela okuninzi kunokuba kunokufunyanwa kuloo misebenzi. UKristu uthi, “Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.” “Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade.” “Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.” “Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.” Yohane 6:35, 51, 47, 63. UL 352.4
Kukho isifundo sembali ekungafuneki sigxekwe. Imbali engcwele yayisesinye sezifundo kwizikolo zabaprofeti. Kwingxelo yokuphatha kwaKhe izizwe, kwakulandwa amanyathelo kaYehova. Ngokunjalo nanamhla, simele siqaphele ukuphatha kukaThixo izizwe zomhlaba. Kufuneka sibone embalini ukuzaliseka kwesiprofeto, ukufunda ngokusebenza kokubonelela kukaThixo kwiintshukumo ezinkulu zohlaziyo, nokuze siqonde inkqubela yeziganeko ekuhlanganisweni kweentlanga ukuza kwimfazwe yokugqibela yembambano enkulu. UL 353.1
Isifundo esinjalo siya kunika iimbono eziqulathe lukhulu ngobomi. Siya kusinceda ukuba sibe nesikuqondayo ngolwalamano lwaso nokuxhomekeke kuso, indlela emangalisayo esiqamangelene kunye ngayo kubuzalwana obubanzi basekuhlaleni nakwizizwe, nokuba kuyilahleko engakanani, kubo bonke, ukucinezelwa nokuthotyelwa phantsi kwelungu elinye. UL 353.2
Imbali yona, njengoko iye ifundwe, inakekele okwenziwe ngumntu, uloyiso lwakhe edabini, impumelelo yakhe ekuzuzeni igunya nobukhulu. Isenzeleli sikaThixo kwimicimbi yabantu asibonwa. Bambalwa abakufundayo ukusebenza kwenjongo yaKhe ekuphakameni nasekuweni kwezizwe. UL 353.3
Kanti ke, ubukhulu becala, imfundo ngoThixo, njengoko ifundwa ifundiswa, iyingxelo nje yokucinga kwabantu, enceda “ukusitha icebo ngokuthetha okungenakwazi.” Kukholisa ukuba injongo yokufumba ezi ncwadi zininzi ingabi kukunqwenela ukuzuza ukutya kwengqondo nomphefumlo, kunokuba ingumnqweno wokuqhelana neenkcuba-buchopho nabafunde ngoThixo, ulangazelelo ikukubeka ubuKristu ebantwini ngamazwi neengcamango ezifundileyo. UL 353.4
Ayizizo zonke iincwadi ezibhaliweyo ezinokuyanelisa injongo yobomi obungcwele. “Fundani kum,” yatsho iTitshala enkulu, “thabathani idyokhwe yam niyithwale, fundani ubulali bam nokuthobeka kwam.” Ikratshi lobuchopho benu aliyi kuninceda ekuthetheni nemiphefumlo etshabalalayo kukuswela isonka sobomi. Ekufundeni kwenu kwezi ncwadi kuzivumela ukuba zithabathe indawo ezifundo eziphathekayo ebenimele ukuba nizifunda kuKristu. UL 353.5
Abantu abondliwa ngeziphumo zesi sifundo. Kuncinane kakhulu ukuphanda okudinisa kakhulu kwingqondo okuthi kunike oko kunokumnceda umntu ukuba abe ngumsebenzeli onempumelelo wemiphefumlo. UL 354.1
UMsindisi wafika ukuza “kushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.” Luka 4:18. Ekufundiseni kwaKhe wasebenzisa awona magama alula neyona mifuziselo icace kakhulu. Kuthiwa, “Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.” Marko 12:37. Abo bafuna ukwenza umsebenzi waKhe weli xesha badinga imbono enzulu kwizifundo azinikileyo. UL 354.2
Amazwi kaThixo ophilileyo ngawona aphezulu kakhulu kuyo yonke imfundo. Abo balungiselela kubantu badinga ukuzondla ngesonka sobomi. Oku kuya kubanika amandla asemoyeni; baze bakulungele ukulungiselela kuzo zonke iindidi zabantu. UL 354.3