Uncwadi oluninzi olushicilelweyo namhlanje luzele ngamabali athabathekisayo abafundisa abatsha inkohlakalo, ekwabakhokelela kwindlela esinga entshabalalweni. Bengabantwana nje ngeminyaka badala elwazini lokwaphula umthetho. Bavuselwa ebubini ngamabali abawafundayo. Engcingeni yabo benza izenzo ezizotyiweyo, ade amabhongo abo avuswe ukuba abone oko banokukwenza ekwaphuleni umthetho kodwa bakuphephe ukohlwaywa. UL 355.3
Ezingqondweni ezisebenzayo zabantwananolutsha,imifanekiso ezotywe kwizinto ezityhilwe ezingcingeni ezingexesha elizayo, ziyinyaniso. Njengokuba kuxelwa kwangaphambili uvukelo nalo lonke uhlobo lwezinto ezenzekayo ukuwisa imiqobo yomthetho nokuzilawula, abaninzi baye bawubambe umoya wezi zinto zenzekayo. Benziwa ukuba bazenze ezi zinto, nangaphezulu ukuba banako, kunokuba ababhali boku kuthabathekisayo bekuzobile. Ngeempembelelo ezinje ngezi, umphakathi uya usonakala kakhulu. iimbewu zokungabikho komthetho zihlwayelwa zisasazwe. Abakho abafanele ukothuka xa isivuno sokwaphulwa komthetho isisiphumo. UL 355.4
Imisebenzi engamabali angomcimbi wothando, okuthanda iziyolo, iintsomi ezithabathekisayo, ngokungekho ngaphantsi kakhulu, yimisebenzi esisiqalekiso kofundayo. Umbhali usenokuthi ufundisa isifundo sokuziphatha, kuwo wonke umsebenzi wakhe, unokumana efaka iimvakalelo zenkolo; kodwa ezi zikholisa ukugquma nje ubuhiba nokungabi nto okungaphantsi. UL 356.1
Umhlaba uzele ziincwadi ezizaliswe yimposiso enomtsalane. Ulutsha lukwamkela njengenyaniso oko iBhayibhile ikusingela phantsi njengobuxoki, babe bona bekuthanda bade batshele kwinkohliso ethetha intshabalalo yomphefumlo. UL 356.2
Ikho imisebenzi yeentsomi eyabhalwa ngenjongo yokufundisa inyaniso okanye ukutyhila ububi obuthile obukhulu. Eminye yale misebenzi ikufezile okuhle. Kanti ke nayo inawo umonakalo omkhulu ewenzileyo. Ineentetho nemifanekiso ezotywe kakhulu ngosiba evusa ingcinga inike ukwanda komsinga wengcinga ezele yingozi, ngakumbi kulutsha. Imiboniso echaziweyo iyaphilwa futhi futhi ezingcingeni zalo. Ukufunda okunjalo kuyenza ukuba ingqondo ingakulungeli ukuba luncedo kuyenze ukuba ingakufaneli ukusebenza izinto zasemoyeni. Itshabalalisa umdla eBhayibhileni. Izinto ezibhekise ezulwini zifumana indawo encinane ezingcingeni. Njengoko ingqondo igxile kwimiboniso engahlambulukanga ezotyiweyo, inkanuko iyavuswa, size isiphelo sibe sisono. UL 356.3
Neencwadi zeentsomi ezingabonakali zifundisa okungalunganga, nebezilungiselweukufundisa imithetho-siseko ebalaseleyo, zinayo ingozi. Zikhuthaza umkhwa wokufunda ngokungxama nokugwengula nje phezulu ngokuleqa nje ibali. Ngenxa yoko zikholisa ukonakalisa amandla engqondo ahlangeneyo nasebenza ngokukhuthala; kuwenze umphefumlo ungakufaneli ukucamngca ngeengxaki ezinkulu zomsebenzi kunye nesiphelo sawo. UL 356.4
Ngokukhulisa ukuthanda iziyolo nje kuphela, ukufunda iintsomi kudala ukungathandi imithwalo ephathekayo yobomi. Ngamandla wazo avuselelayo nanxilisayo azinqabanga ekwenzeni ukutyhefeka engqondweni nasemzimbeni. Amakhaya amaninzi axhwalekileyo, atyeshelweyo, abaninzi abaziingxwelerha ubomi babo bonke, abaninzi abahlala endimangeni [emagezeni], babe njalo ngenxa yomkhwa wokufunda iintsomi. UL 356.5
Kuyakhuthazwa rhoqo ukuba, xa sifuna ukulususa ulutsha ekufundeni uncwadi oluthabathekisayo nolungenaxabiso, kufuneka silunike udidi olungcono lweentsomi. Oku kufana nokuzama ukunyanga inxila ngokulinika, endaweni yewiski okanye igrangqa, iziselo ezingaqokolanga kakhulu, njengewayini, ibhiye, okanye isayida [iwayini yama-apile]. Ukusebenzisa ezi kuya kuqhubeka nokulola ilithe leziselo eziqinileyo kakhulu. Isikhuselo ekuphela kwaso kwabangevayo, nesikhuselo ekuphela kwaso kumntu onobungcathu, kukungaziseli zonke iindidi zezinto ezinxilisayo ngokupheleleyo. Kongumthandi weentsomi, mnye umgaqo onguwo: Ukungaseli nasinye isiselo esinxilisayo kuphela kokhuseleko. UL 357.1