Go to full page →

38—Ukubaluleka Kokufuna Ulwazi Lwenene UL 362

Kucace ngaphezu kokuba sisazi ukuba sidinga ukuyiqonda imiba esesichengeni kwidabi elikhulu esikulo. Sidinga ukuliqonda ngaphezulu ngokupheleleyo ixabiso leenyaniso zelizwi likaThixo nengozi yokuvumela ukuba iingqondo zethu zijikwe kuzo ngumkhohlisi omkhulu. UL 362.1

Ixabiso elingenamlinganiselo lombingelelo ofunekayo ngenxa yokuhlangulwa kwethu lityhila inyaniso yokuba isono sibububi obukhulu kakhulu. Ngesono, wonke umzimba womntu wonakele, ingqondo igqwethekile, ingcinga yonakele. Isono sizithobele phantsi izakhono zomphefumlo. Izihendo ezivela ngaphandle zifumana impendulo evumayo ngaphakathi entliziyweni, zize iinyawo ziye ngendlela engaqondakalanga ebubini. UL 362.2

Njengokuba umbingelelo ngenxa yobomi bethu waphelela, ngokunjalo nokubuyiselwa kwethu ukusuka ekungcoleni sisono kuphelele. Asikho isenzo senkohlakalo esiya kuthetheleleka kuThixo; kungekho nokungalungisi okuya kusinda ekugwetyweni kwako. Umgangatho weendaba ezilungileyo awuvumeli mgangatho ungekuko ukugqibelela kwesimilo esingcwele. Ubomi bukaKristu babukukuzaliseka okufezekileyo kwayo yonke imiyalelo yomthetho. Wathi, “Mna ndayigcina yonke imithetho kaBawo.” Ubomi baKhe ngumzekelo wethu wokuthobela nokukhonza. NguThixo kuphela onako ukuyenza ntsha intliziyo. “NguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.” Thina ke siyayalelwa ngelithi, “Lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso.” Yohane 15:13, 12. UL 362.3