IBhayibhile yonke isisityhilelo sozuko lukaThixo kuKristu. Xa ithe yamkelwa, yakholelwa, yathotyelwa isisixhobo esikhulu ekuguqulweni kwesimilo. Isisikhuthazi esikhlu, amandla atyhalayo, avuselela amandla omzimba, awengqondo, nawasemoyeni, abukhokelele ubomi kumajelo alungileyo. UL 369.1
Isizathu sokuba ulutsha, kanti nabo sebe ngqathuva, kube lula ukuya esilingweni nasesonweni, kungokuba abalifundi ilizwi likaThixo bacamngce ngalo njengoko bekufanelekile ukuba bayenza. Ukungabikho kwamandla azinzileyo naqinileyo, aye abonakale ebomini nasesimilweni, kusisiphumo sokutyeshelwa komyalelo ongcwele welizwi likaThixo. Abathi ngomzamo onyanisekileyo bayikhokelele ingqondo koko kunokukhuthaza ingcinga enyulu nengcwele, kuyijike kokungahlambulukanga nokungeyiyo inyaniso. Bambalwa abakhetha indawo ebalulekileyo, abahlala ezinyaweni zikaYesu, njengoko wenzayo uMariya, ukufunda kwiTitshala yezulu. Bambalwa abawagcinayo amazwi aKhe entliziyweni baze bawenze ebomini. UL 369.2
Iinyaniso zeBhayibhile, xa zamkelwe, ziya kuyiphakamisa ingqondo nomphefumlo. Ukuba ilizwi likaThixo belingaxatyiswa njengoko kumele ukuba njalo, bonke abatsha nabadala bebeya kuba nako ukulunga kwangaphakathi, amandla omthetho-siseko, abeya kubenza ukuba bamelane nesihendo. UL 369.3
Abantu mabafundise bazibhale izinto ezixabisekileyo zeziBhalo ezingcwele. Ingcinga, isakhono sokufunda, umdla wokusebenzisa amandla engqondo, konke makunikelwe ekufundeni kweengqondo ngoThixo. Makungafundwa ngolwazi lokuqikelela kwabantu, kodwa makufundwe ngolwazi lwaLowo uyinyaniso. Alukho olunye uncwadi olungathelekiswa nalo [olo lwazi] ngexabiso. UL 369.4
Ingqondo ethanda izinto zomhlaba ayikonwabeli ukucamngca ngelizwi likaThixo; kodwa kwingqondo ehlaziyiweyo ngoMoya Oyingcwele, ubuhle bukaThixo bunokukhanya kwezulu bubengezela buphuma kwiphepha elingcwele. Oko, kwingqondo ethanda izinto zehlabathi, kwakuyinkqantosi yentlango, kwingqondo kamoya kuba lilizwe lemisinga ephilileyo. UL 370.1
Ulwazi ngoThixo njengoko lutyhiliwe elizwini laKhe lulwazi emalunikwe abantwana bethu. Kususela kwintatha-kusa yokucinga, kufuneka benziwe baqhelane negama kunye nobomi bukaYesu. Izifundo zabo zokuqala kufuneka zibafundise ukuba uThixo unguYise wabo. Ingqeqesho yabo yokuqala kufuneka ibe yeyokuthanda ukuthobela. Ngentlonipho nangothando, ilizwi likaThixo malifundwe liphinda-phindwe kubo ngeendawo ezifanelene nokubamba kwabo ukuqonda, zibe zilungiselwe ukuvusa umdla wabo. Ngaphezu kwako konke, mabakwazi ukufunda ngothando lwaKhe olutyhilwe kuKristu, nesifundo salo esikhulu: UL 370.2
“Ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana.” 1 Yohane 4:11. UL 370.3
Ulutsha malilenze ilizwi likaThixo libe kukutya kwengqondo nomphefumlo. Umnqamlezo kaKristu mawenziwe isayensi yayo yonke imfundo, umbindi wako konke ukufundisa nalo lonke uphando. Makuziswe kumava emihla ngemihla kubomi obuphathekayo. Ngaloo ndlela, uMsindisi uya kuba liqabane nomhlobo kulutsha. Yonke ingcamango iya kuziswa ekuthinjweni kokuthobela uKristu. Kunye nompostile uPawulos luya kukwazi ukuthi: UL 370.4
“Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi ethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.” Galati 6:14. UL 370.5
Kungoko bathe bafikelela ekumazini uThixo ngalo ulwazi olungumzekelo. Babubonakalalisile bona ngokwabo ubunyaniso belizwi laKhe, inyaniso yamadinga aKhe. Bakungcamle, bazi ukuba iNkosi ilungule. UL 370.6
UYohane oyintanda wayenalo ulwazi awaluzuza ngawakhe amava. Wakwazi ukungqina, athi: UL 371.1
“Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi): oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.” 1 Yohane 1:1-3. UL 371.2
Ngoko ke, wonke ubani anganako ukuthi, ngawakhe amava, “alibeke itywina lakhe koku, kokuba uThixo uyinyaniso.” Yohane 3:33, A.R.V. Unako ukubunika ubungqina ngoko athe yena ngokwakhe wakubona wakuva waza waweva amandla kaKristu. Angangqina athi: UL 371.3
“Ndibe ndidinga uncedo, ndalufumana kuYesu. Zonke iimfuno zam zaneliswa, indlala yomphefumlo yaneliswa; iBhayibhile kum isisityhilelo sikaKristu. Ndiyakholwa kuYesu kuba, kum unguMsindisi ongcwele. Ndiyakholelwa kwiBhayibhile kuba ndiyifumene ililizwi likaThixo emphefumlweni wam.” UL 371.4
Lowo uzuze ulwazi ngoThixo nelizwi laKhe ngawakhe buqu amava, ukulungele ukungenela isifundo sesayensi esingendalo. Kubhalwe kwathiwa ngoKristu, “Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.” Yohane 1:4. Phambi kokuba singene isono, uAdam noEva e-Eden babejikelezwe kukukhanya okucacileyo nokuhle, ukukhanya kukaThixo. Oku kukhanya kwakukhanyisa yonke into ababefika kuyo. Kwakungekho nto eyayinokusitha imbono yabo ngesimilo okanye imisebenzi kaThixo. Kwathi kodwa bakumvumela umhendi, ukukhanya kwemka kubo. Ekulahlekweni zizambatho zobungcwele, balahlekwa kukukhanya okwakukhanyise indalo. Ababanga sakwazi ukufunda kakuhle. Babengakwazi ukusiqonda isimilo sikaThixo nemisebenzi yaKhe. Kukwanjalo nanamhla, umntu akakwazi ngokwakhe ukufunda kakuhle imfundiso yendalo. Xa engakhange akhokelwe bubulumko bezulu, uphakamisa indalo nemithetho yendalo ngaphezu kukaThixo wendalo. Yiyo le nto iingcamango zomntu ngokubhekiselele kwisayensi zisoloko ziphikisana nemfundiso yelizwi likaThixo. Kwabo ke bamkela ukukhanya kobomi bukaKristu, indalo iyaphinda ikhanyiswe. Ekukhanyeni okubengezela kusuka emnqamlezweni, sinako ukuyichaza ngokufanelekileyo imfundiso yendalo. UL 371.5
Lowo unolwazi ngoThixo nelizwi laKhe ngawakhe buqu amava, unokholo oluzinzileyo kubuThixo beziBhalo ezingcwele. Ulibonile ukuba ilizwi likaThixo liyinyaniso, kwaye uyazi ukuba inyaniso ayisokuze iziphikise. Akayivavanyi iBhayibhile ngeembono zabantu zesayensi; uzizisa zona ezi mbono kuvavanyo lomgangatho ongaphazamiyo. Uyazi ukuba kwisayensi eyinyaniso akungeke kubekho nto iphikisana nemfundiso yelizwi; njengoko zombini sinoMbhali omnye, ukuqonda okulungileyo kwazo zombini kuya kuzibonisa ukuba ziyavumelana. Nokuba kuyini okubizwa ngokuthi yimfundiso yesayensi okuthi kuphikisane nobungqina belizwi likaThixo kukuqashisela nje komntu. UL 372.1
Kumfundi onjalo, ukuphanda kwesayensi kuya kuvula imihlaba ebanzi yengcinga nolwazi. Uya kuthi xa ecamngca ngezinto zendalo, imbono entsha yenyaniso imfikele. Incwadi yendalo nelizwi elibhaliweyo zinikana ukukhanya enye nenye. Zombini zimenza ukuba aqhelane ngcono noThixo ngokumfundisa ngesimilo saKhe nemithetho asebenza ngayo [uThixo]. UL 372.2
Amava omdumisi ngamava bonke abangawafumana ngokwamkela ilizwi likaThixo ngendalo nangesityhilelo. Uthi: UL 372.3
“Uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho
Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.”
“Yehova, inceba yakho ifikelela ezulwini,
Ukuthembeka kwakho esibhakabhakeni.
Ubulungisa bakho bunjengeentaba zikaThixo;
Izigwebo zakho zingamanzi enzonzobila. . . .
“Hayi, ixabiso lenceba yakho, Thixo!”
“Oonyana babantu bazimela ngethunzi lamaphiko akho. . . .
Ubaseza emlanjeni weziyolo zakho.
Ngokuba likuwe ithende lobomi;
Ekukhanyeni kwakho sibona ukukhanya.” UL 372.4
“Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo,
Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!
Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe,
Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!”
“Umfana uya kwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?
Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.”
“Ndiyinyule indlela yokuthembeka;
Amasiko akho ndijolise kuwo”
“Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam,
Ukuze ndingoni kuwe.”
“Ndihamba-hambe endaweni ebanzi,
Ngoku ndifuna iziyalezo zakho.”
“Vula amehlo am, ukuba ndiyibone imisebenzi
Ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.”
“Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko,
Zingamaphakathi am.”
“Ulungile kum umyalelo womlomo wakho,
Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.”
“Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!
Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.”
“Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho,
Ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam.”
“Iziingoma kum imimiselo yakho,
Endlwini yokuphambukela kwam.
Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide unene,
Umkhonzi wakho uyalithanda.”
“Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela,
Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.”
“Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise,
Andincede amasiko akho.”
“Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho;
Akukho sikhubekiso kubo.” UL 373.1
“Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova;
Ndinza imithetho yakho.
Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho,
Ndizithanda kunene.”
“Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa,
Kuqondisa abazizidenge.”
“Indifundisa ubulumko ngaphezu
kweentshaba zam imithetho yakho,
Ngokuba yeyam ngonaphakade.
Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,
Ngokuba ngezingqiiso zakho ndiyacamngca.
Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,
Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.’
“Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,
Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.”
“Ndizidle ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade,
Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam.” UL 374.1
Indumiso 92:4; 36:7-9; 119:1, 2, 9, 30;
119:11, 45, 18, 24, 72, 97, 54, 129,
54, 140, 160, 175, 165-167, 130,
98-100, 104, 111.