Go to full page →

Imfundo Kubomi Obungunaphakade UL 376

Umsebenzi wobomi bethu apha ukukulungiselela ubomi obungunaphakade. Imfundo eqalwe apha ayisayi kugqitywa kobu ubomi; iya kuqhubeka naphambili kunaphakade wonke—ibheke phambili okoko, ingaze igqitywe. Ngakumbi nangakumbi, kuya kutyhilwa ubulumko nothando lukaThixo kwicebo lokuhlangula. UMsindisi, xa ekhokelela abantwana baKhe kwimithombo yamanzi aphilileyo, uya kubanika imfumba yolwazi. Kuya kuthi, imihla ngemihla, kuvulwe phambi kwengqondo, ngobuhle obutsha, imisebenzi emangalisayo kaThixo, ebonakalalisa amandla waKhe ekudaleni nasekuxhaseni iyunivesi. Ekukhanyeni okubengezela kuphuma etroneni, iimfihlelo ziya kuthi shwaka, uze umphefumlo uzaliswe kukukhwankqiswa bubulula bezinto ezazingazange ziqondwe ngaphambili. UL 376.1

Ngoku sibona ngaphaya kweglasi, manakanibe; kodwa ngelo xesha iya kuba bubuso ngobuso; ngoku siyazi ngenxenye; kodwa ngelo xesha siya kwazi kanye njengoko nathi siya kwaziwa. UL 376.2