Go to full page →

41—Ukuhlangana Nabanye UL 390

Konke ukuhlangana kwabantu ebomini kudinga ukuba kubekho ukuzilawula, ukunyamezela, novelwano. Sahlukene kakhulu ngezimo zethu, imikhwa, imfundo, nangeendlela zethu esizibona ngayo izinto. Sigweba ngokwahlukeneyo. Ukuqonda kwethu inyaniso, iimbono zethu ngokuphatha ubomi, zonke azifani ngazo zonke iindlela. Abakho abantu ababini abambono zabo zifana twatse. Izilingo zomnye azizizo izilingo zomnye. Umthwalo othile awufumana ulula kuye unzima ngeyona ndlela imangalisayo nedidayo komnye. UL 390.1

Indalo yomntu ibuthakathaka, inobudenge, kulula ukuba icinge gwenxa, kangangokuba kufuneka ubulumko ekucingeleni omnye. Siyalicuntsa igalelo lempembelelo yezenzo zethu ebomini babanye. Esikwenzayo okanye esikuthethayo kungabonakala kungathi akunto kuthi, kanti, ukuba nje bekungavulwa amehlo ethu, besingabona ukuba kuko kuxhomekeke ezona ziphumo zibaluleke kakhulu zokulungileyo okanye zobubi. UL 390.2