Go to full page →

42—Ukukhula Nenkonzo
(Nomsebenzi) UL 401

Ubomi bomKristu bungaphezu kokuba abaninzi bebucingela. Abuphelelanga ekubeni nobulali, umonde, ukululama, nobubele. Ezi zibabalo ziyafuneka; kodwa ikho nayo intswelo yokuqina, ukunyanzela, amandla, nokunyamezela. Indlela ayiphawuleyo uKristu yindlela ecuthekileyo noyokuzilandula. Ukungena kuloo ndlela nokubheka phambili kuphunyelwe ngaphaya kweenzima nezityhafiso, kufuna amadoda angengawo amabhetye-bhetye. UL 401.1