Go to full page →

Entabeni Kunye NoThixo UL 411

“Nyukani nize kuM entabeni,” utsho uThixo kuthi. UMoses, phambi kokuba abe sisixhobo sikaThixo ekukhululeni amaIsrayeli, wanikwa amashumi amane eminyaka yokuthetha-thethana naYe uThixo entabeni bebodwa. Phambi kokuba ase isigidimi sikaThixo kuFaro, wathetha nengelosi etyholweni elitshayo. Phambi kokuba amkele umthetho kaThixo njengommeli wabantu baKhe, wabizelwa entabeni, wabubona ubuqaqawuli baKhe. Phambi kokuba enze ubulungisa kubanquli bezithixo, wafihlwa endaweni emxinwa eliweni, wathi uYehova kuye, “[Ndiya kulivakalisa] igama likaYehova phambi kwakho,” “onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso, . . . ongakhe amenze msulwa onetyala.” Eksodus 33:19; 34:6, 7. Phambi kokuba abubeke phantsi ubomi bakhe, obabunomthwalo ngoIsrayeli, uThixo wambizela encotsheni yePisga wabandlala phambi kwakhe ubuqaqawuli beLizwe leDinga. UL 411.1

Phambi kokuba abafundi bahambe baye kumsebenzi abawuthunyiweyo, babizelwa entabeni ukuba babe noYesu. Phambi kokubonakala kwamandla nobuqaqawuli ngePentekoste, kwabakho ubusuku bokuncokola noMsindisi, intlanganiso entabeni yaseGalili, umboniso wokwahlukana phezu kwentaba yeMinquma, kwakunye nesithembiso sengelosi, nemihla yomthandazo kwanemihla yokubonisana kwigumbi eliphezulu. UL 411.2

UYesu, xa wayelungiselela isihendo esithile esikhulu okanye umsebenzi othile obalulekileyo, wayesiya kwindawo eyodwa ezintabeni, achithe apho ubusuku ethandaza kuYise. Ubusuku bomthandazo bahamba ngaphambi kokuthanjiswa kwabapostile, kweNtshumayelo yaseNtabeni, ukwenziwa kumila kumbi, intlungu yakwiholo yokugwetywa, kwakunye nozuko loVuko. UL 411.3