Go to full page →

Umcebisi Wezulu UL 414

Xa besenkathazweni, abaninzi baye bacinge ukuba kufuneka babhenele kumhlobo wasemhlabeni, bamxelele ngeengxaki zabo, babongoze befuna uncedo. Phantsi kweemeko ezinzima, iintliziyo zabo ziye zizaliswe kukungakholwa, ize indlela ibonakale imnyama. Kanti ke, lonke ixesha kumi ecaleni kwabo uMcebisi onamandla wamaphakade, ebamema ukuba babeke ithemba labo kuYe. UYesu, uMthwali-mithwalo omkhulu, uthi, “Yizani kum, ndiya kuninika ukuphumla.” Ingaba siza kusuka simke na kuYe siye kubantu abangaqinisekanga, nabo abaxomekeke kuThixo njengoko sinjalo nathi? UL 414.3

Ningaziva ninentswelo ezimilweni zenu, kwanobuncinane besakhono senu xa kuthelekiswa nobukhulu bomsebenzi. Kanti ke, nokuba beninobona buchopho bukhulu obakha banikwa umntu, bebungayi kuwanela umsebenzi wenu. “Ningekum, aninakwenza nto.” Yohane 15:5. Isiphumo sako konke esikwenzayo silele ezandleni zikaThixo. Nokuba kwenzeka ntoni, bambelelani kuYe ngokungafihlisi okuqinileyo, nokuzingisileyo. UL 414.4

Kumashishini enu, kubulingane benu bamaxesha okonwaba okanye okuphumla, ekumanyaneni kwenu ngezobomi, konke ukudlelana kwenu makwenziwe phezu komthandazo onyanisekileyo, nothobekileyo. Ngaloo ndlela niya kubonisa ukuba niyamhlonela uThixo, kwaye noThixo uya kunihlonela. Thandazani xa nidakumbile. Xa niphelelwa lithemba, qinisekisani ukuba anithethi nto ebantwini; ningabeki ithunzi endleleni yabanye; kodwa xelani yonke into kuYesu. Ziphakamiseleni phezulu izandla zenu ukufuna uncedo. Ekuphelelweni kwenu ngamandla, bambelelani kumandla kanaphakade. Celani ukuthobeka, ubulumko, isibindi, ukwandiselwa ukholo, ukuze nibone ukukhanya ekukhanyeni kukaThixo nize nigcobe eluthandweni lwaKhe. UL 415.1