Go to full page →

Amayeza Endalo UL 88

Umoya ohlaziyekileyo, ukukhanya kwelanga, ukuzithiba, ukuphumla, ukuzivoca-voca, isondlo esifanelekileyo, ukusebenzisa amanzi, ukuthembela kumandla kaThixo—la ngawona machiza ayinene. Wonke umntu kufuneka abenalo ulwazi lwezenzeleleli ezingamayeza endalo nendlela yokuwasebenzisa. Indlela yendalo yokuphilisa nokwakha ihamba kancinane, ize ithi kongenamonde ibonakale icotha. Ukoyiswa kokuziyekela okuyingozi kufuna umbingelelo [okanye ukuncama]. Ekugqibeleni kuya kufunyaniswa ukuba indalo, xa ingathintelwanga, iyawenza umsebenzi wayo ngobulumko nangokuhle. Abo bazingisayo ekuyithobeleni imithetho yayo baya kuvuna umvuzo wempilo yomzimba nempilo yengqondo. UL 88.2

Incinane kakhulu ingqwalaselo ekholisa ukunikelwa ukulondolozwa kwempilo. Kulunge kakhulu ukusikhusela isifo kunokusinyanga xa sesingenile. Luxanduva lomntu ngamnye, ngenxa yakhe, nangenxa yabanye abantu, ukuzixelela ngemithetho yobomi nokuyithobela ngokuzimisela. Wonke umntu udinga ukuba aqhelane nowona mzimba obaluleke kakhulu ukudlula yonke, umzimba womntu. Kufuneka bawaqonde indlela asebenza ngayo amalungu awahlukeneyo omzimba nokuxhomekeka kwawo elinye kwelinye ukwenzela ukuba asebenze esempilweni wonke. Kufuneka bayifunde impembelelo yengqondo phezu komzimba, neyomzimba phezu kwenqondo, nemithetho ezilawulwa ngayo ezo ndawo. UL 88.3