Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    4. UKUVUMA IZOONO

    “OSIGUBUNGELAYO isoono sakhe akayi kuba nampumelelo; ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.” Imizek. 28: 13.AOK 29.1

    Izimiselo zokufumana imfesane kaThixo zilula, zilungile, zaye zizezinge nakukhalazelwa. U-Thixo akatsho ukuthi masenze into ebuhlungu ukuze sixolelwe izoono zethu. Akatsho ukuthi masenze iihambo ezinde ezidinisayo, sibulale inyama, sihlaulele imiphefumlo yethu, sibe ngokwenza njalo siyaleza imiphefumlo yethu kuThixo wezulu. Uthi, lowo usivumayo asishiye isoono sakhe, uya kufumana imfesane.AOK 29.2

    Umpostile uthi, “Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe.” Yakobi 5: 16. Vumani izoono zenu kuThixo, yena unako ukuzixolela. Xelelanani iziphoso zenu. Ukuba uthe wamxakanisa umhlobo nokuba ngummelwane wakho, sivume isiphoso sakho eso, naye makakuxolele ngenkululeko. Qala ke wakukwenza oko, ukucela uxolo kaThixo; kuba umzalwana wakho lowo umxakanisileyo ungumntu kaThixo, ke ekumxakaniseni oko kwakho, woone umDali nomKhululi wakhe. Elotyala lakho seliphambi koyena Mthetheleli uyinyaniso, umBingeleli wethu omkhulu, yena, “wahendwayo ngeento zonke, ngokufana nathi, engenasoono,” unako ke ngoko “ukuvelana nezilwelwe zethu” (Hebere 4: 15), asihlambulule kuko konke ukuncholiswa sisoono.AOK 29.3

    Aabo bangekayithobi imiphefumlo yabo phambi koThixo balivume ityala labo, abakasizalisi esona simiselo sokuqala sokwamkelwa. Ukuba asikabinawo lamava alanguquko athi umntu akuyifumana angabuye azizonde, ukuba asikathi, ngomphefumlo owaphukileyo kanye nangomoya otyumkileyo kwaphela, sizivume izoono zethu, siyithiye inkohlakalo yethu; singaba asizange silufumane ngenene uxolelo lwezoono. Ke xa singazange silufune, asizange silufumane nokulufumana uxolo lukaThixo. Sinye isizathu esibangela ukuba singazixolelwa izoono ezagqithayo, sesi sokuba singavumi ukuzigoba iintliziyo zethu, sizivume izimiselo zeLizwi lenyaniso. Siyalwe ngokucacileyo ngayo lendawo. Ukuvunywa kwesoono, nokuba kusekuhleni, nokuba kungasese, kufanele ukuba kube kokwentliziyo, sivunywe ngenkululeko nguye umooni, kungabi ngokucudiswa. Akukuhle ukuba sithi ukuvunywa, sivunywe ngendlela yokuloqa nokungakhathali, mhlaumbi ngendlela yokuba side sicudiswe kumntu ekubonakala ukuba akasiqondi ngokwaneleyo ububi besoono. Uvumo lwe- soono olukokona kuthululwa ngokupheleleyo komphefumlo lulo oluviwayo nguThixo onenceba engaphele-ndawo. Umdumisi uthi, “Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, ebasindisa abamoya utyumkileyo.” Indumiso 34: 18.AOK 29.4

    Uvumo lwesoono oluyinene loluthi nqo ukuvuma, luzivume ngokumhlophe izoono ezithile. Kukho ukuba zingaba zezifanele ukutyhilwa esidlangalaleni, zifaneleke ke ukuba ezinjalo zityhilwe phambi kwabantu bonke. Kodwa lonke uvumo lwezoono lufanele ukuba lube loluthe nqo, lungabi loluwangawangisayo. Lufanele ukuba, lube loluvuma kanye ezo zoono unetyala ngazo.AOK 30.1

    Ngemihla kaSamuweli, amaSirayeli abhadula emka kuThixo. Eva ubunzima besoono, kuba aye lahlekwe lukholo lwawo kuThixo; elahlekwe kukuwaqonda amandla nobulumko bakhe bokulaula uhlanga lwawo, elahlekwe yingqiniseko emandleni akhe ukuba angaba nako ukuwukhusela awuxhase umsebenai wakhe. Amshiya oyena Mlauli mkhulu welizwe, anqwenela ukuba aphathwe, alaulwe njengezinye iintlanga ezo zaziwangqongile. Bathi ukuze balufumane uxolelo, balivuma ityala labo ngokuthe nqo, bathi, “Songeze ezoonweni zethu ububi bokubiza ukumkani.” (1 Samuweli 12: 19.) Kwada kwafuneka kanye ukuba basityhile eso soono babewe ngaso. Ukuswela kwabo umbulelo kwayicinezela imiphefumlo yabo, kwabahlula noThixo.AOK 30.2

    Ukuvuma izoono akanako ukukwamkela uThixo xa kungabandakanywanga nenguquko eyinene, kunye nobuyo kuso isoono. Kufuneka ubomi bomguquki buntoyimbi kanye, ekulahlile konke okuxakanisa uThixo. Wothi ukuze abenjalo, abe unosizi ngaso isoono sakhe. Lomsebenzi ubekwe ngokucacileyo phambi kwethu: “Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lungisani obandezelweyo; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.” Isaya 1: 16, 17. “Ukuba ongendawo uthi asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa.” (Hezekile 33: 15.) Uthi uPaulos ethetha ngomsebenzi wenguquko: “Kwa oko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulomcimbi nimsulwa nina okwenu.” 2 Korinte 7: 11.AOK 30.3

    Sakuba isoono siwabulele amandla okuqonda okulungileyo kokukhohlakeleyo, usuke umenzi wenkohlakalo angabi nako uku- ziqonda iindawo ezimbi esimilweni sakhe. Usuke angabuqondi ubukhulu benkohlakalo ayenzileyo; athi ukuba akadange oyiswe, ohlwaywe nguMoya oyiNgcwele, sisesisuka simenza imfama isoono sakhe. Ukusivuma kwakhe isoono akunyaniseki, akuqiniseki. Uthi esivuma isoono sakhe abe ezithethelela, esithi ukuba bekungathanga kuthi, ngendingayenzanga lento naleya ndohlwaywa ngayo.AOK 30.4

    Bathi uAdam noEva emva kokuba bewutyile umthi ekwakuthiwe maze bangawutyi, basuka bangenelwa zintloni nakukoyika. Kuqala bafuna indlela abangazithethelela ngayo, ukuze basiphephe isigwebo esoyikekayo sokufa. Yathi iNkosi yakubabuza ngesoono sabo, wasuka uAdam walibeka ityala kuThixo nakumlingane wakhe lowo waye naye; wathi: “Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi ndadla ke.” Umfazi walibeka ityala kwinyoka, wathi, “Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.” Genesis 3: 12, 13. Ubuyenzele ntoni inyoka? Ubuyivumele nina ukuba ize emyezweni? Le yimibuzo awasikhusela ngayo isoono sakhe, kuba ukulila ngokuthi ndilukuhliwe yinyoka, yayikukutsho. Basuka bobabini bambeka ityala uThixo ngokuwa kwabo. Lomoya wokuzigwebela wawuphuma kuyise wobuxoki! Lonke usapho lukaAdam lusazele nguwo unanamhla. Ukuvuma isoono okunje akuphumi kuwo uMoya kaThixo, kengoko akanako ukukwamkela uThixo. Inguquko yona eyinene, isuke imenze umntu ukuba alithwale ityala lakhe ngokwakhe, alivume ngaphandle kwenkohliso naluhanahaniso. Isuke, njengombuthi werafu owayengenako nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe, imenze ukuba adanduluke, athi, “Thixo, yiba netaru kum mna mooni.” Bonke abalivumayo ityala labo baya kugwetyelwa, kuba igazi likaYesu liya kuwuthethelela umphefumlo oguqukayo.AOK 31.1

    Imizekelo esinayo eLizwini likaThixo yenguquko nokuzithoba okuyinene, isibonisa ukuba, ukuvuma izoono okuyinene akuzithetheleli, akuzigwebeli nokuzigwebela. U-Paulos yena akazange asifihle isoono sakhe; wasuke wasityhila sisibi njalo; akazange alinge ukulinciphisa ityala lakhe. Uthi, “Nento eninzi yabangcwele ndayitshixela entolongweni, ndakuba naamkele igunya kubabingeieli abakhulu; ndaza bakuba besikwa, ndavuma. Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.” Izenzo 26: 10, 11. Akazange yena athandabuze ukuthi, “U-Yesu Kristu weza ehlabathini ukusindisa abooni, endingomkhulu mna.” 1 Timoti 1: 15.AOK 31.2

    Intliziyo eyaphukileyo, eyoyisiweyo yinguquko eyinene, iya kuba nokulubona uthando lukaThixo nexabiso leKalvari. Njengonyana kuyise, umguquki wenene uya kuzivuma izoono zakhe phambi koThixo. Kubhaliwe kwathiwa, “Ukuba sithi sizivume izoono zethu, unyanisekile, ulilungisa, ukuba asixolele izoono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 Johane 1: 9.AOK 32.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents