Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    7. UPHAU LONGUMLAN DELI KA-KRISTU

    “NGOKO ke ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zabantsha izinto zonke zakhe.” 2 Korinte 5: 17.AOK 45.1

    Umntu angade angabinako ukuxela ngokuthe nqo ixesha nendawo aguquke kuyo, okanye angabi nako ukuyicwangcisa yonke into emkhokelele enguqukweni, kanti lonto ayithethi ukuba akakaguquki. U-Kristu waathi kuNikodemo, “Umoya uphepheza apho uthanda khona, uze uve isandi sawo, kodwa ungawazi apho uvela khona, nalapho usinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.” Johane 3: 8. Njengomoya ongabonakaliyo, phofu uvakala zibonakala nezenzo zawo, unjalo uMoya kaThixo ukusebenza entliziyweni yomntu. Laamandla ozalo olutsha, angenako ukubonwa liliso lomntu, ngawo azala ubomi ubutsha emphefumlweni; enze isidalwa esitsha ngokomfanekiso kaThixo.AOK 45.2

    Nakuba ukusebenza koMoya kuzolile kungavakali, yona impumelelo yawo iya bonakala. Ukuba intliziyo ithe yahlaziywa nguMoya kaThixo, bothi nobomi bomntu lowo bukubonakalalise oko. Nakuba singenakwenza nto ukuguqula iintliziyo zethu, okanye sizenze sivane noThixo; nakubeni kungafunekanga ukuba sizithembe okanye sitnembele kwimisebenzi yethu elungileyo; ubomi bethu bona buya kuzixela ukuba ubabalo lukaThixo sinalo ngaphakathi kwethu. Kuya kubakho inguqulelo esimilweni, nemikhwa nemisebenzi yethr.. Umahluko phakathi kwesimilo sethu esitsha nesidala uya kubonakala kanye. Isimilo asiyikubonakala ngezenzo ezilungileyo ezenziwa ngamaxesha athile kuphela, kodwa siya kubonakaliswa ngamazwi nezenzo ezisisiqhelo semihla agemihla.AOK 45.3

    Kuyinene kona ukuba umntu angade akwazi ukuziphatha ngokwangaphandle, noko angahlaziywanga ngamandla kaKristu ngaphakathi. Angade umntu ngokuthanda ukuba nempembelelo nokunga angaxatyiswa ngabanye, asuke aziphathe kakuhle. Ukuzithanda kungasikhokelela ekubeni siyinxweme inkohlakalo. Yinto ekhoyo ukuba umntu ontliziyo inobugqolo enze izinto ezilungileyo nezithandekayo, ngamanye amaxesha. Singathini na ke ukuze sazi icala esingakulo?AOK 45.4

    Ngubani na ezithe xhokro kuye iintliziyo zethu? Zimi kubani na iingcinga zethu? Ngubani na esidla ngokuthanda singancokola naye? Oyena simthanda kakhulu, simququzelela kakhulu nguwuphina? Ukuba singabakaKristu, iingcinga zethu zoba kuye, nezona zicamngco zethu zimnandi zibe ngaye. Konke esinako nezikuko sokunikela sikungcwalisele kuye. Sosuka silangazelele ukunga singafana naye, sizaliswe ngumoya wakhe, senze intando yakhe, simkholise kuzo zonke izinto.AOK 45.5

    Bonke abazizidalwa ezitsha kuKristu baya kuvelisa iziqhamo zoMoya, “uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembheko, ukuzeyisa.” Galati 5: 22, 23. Bona abayi kumilisa okwenkanuko zabo zangaphambili, kodwa bothi, ngokholo loNyana kaThixo, balandele emanyathelweni akhe, babonakalalise isimilo sakhe, bazenze nyulu kwanjengokuba naye enyulu. Bosuka bathi eziya zinto babekhe bazithiya ngaphambili, ngoku bazithande; bathi eziya babekhe bazithanda, basuke ngoku bazithiye. Wosuke umqhankqalazi alulame athobeke ngentliziyo, ithi nento ebingakhathali nebi ngumalibe nje, isuke icinge izithobe ikuyeke ukuzinyakathisa. Inxila liyaqabuka, athi nomooni ahlambuluke. Othi amasiko akhohlakeleyo nemikhwa yelizwe ilahlwe. Athi amaKristu enene, angafuni “ukuhombha kwangaphandle,” kodwa afune “okukokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo.” 1 Petros 3: 3, 4.AOK 46.1

    Akukho nguquko ingaba iyiyo, ukuba ayithanga isenze simbhi isimilo sangaphandle somguquki kunoko besinjalo ngaphambili. Ukuba uthi alizalise idinga, akubuyise akuphangileyo, azivume izoono zakhe, amthande uThixo, abathande abantu bonke; umooni lowo makazi aqiniseke ukuba udlule ekufeni, wangena ebomini.AOK 46.2

    Sakuba size kuKristu nezoono zethu, safumana uxolelo ngobabalo lwakhe, uthando luyakutsaula ezintliziyweni zethu. Yosuka yonke imithwalo ibe lula; kuba idyokwe kaKristu asithwalisa yona ikhaphukhaphu. Sosuka iimfanelo zethu sizenze ngokuchwayita, kuthi ukuzilahlela kwethu emsebenzini kube luvuyo. Zothi neendlela ebezingathi zigqunywe bubumnyama, zisuke zikhanyiselwe yimitha yeLanga lobuLungisa.AOK 46.3

    Obona buhle besimilo sikaKristu buya kubonakala kubalandeli bakhe. Yena ebesonwatyiswa kukwenza intando kaThixo. Eyona ndawo ibinkulu nephambili ebomini bomSindisi wethu. ibikukuthanda uThixo nokulangazelela ukumzukisa. Zonke izenzo zakhe zahonjiswa zenziwa zihle luthando abenalo. Uthando lolukaThixo. Intliziyo engazinikeli kuye ayinakuba nalo, ayinako nokuluvelisa. Lufunyanwa kuphela kwintliziyo elaulwa nguYesu. “Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda ku- qala.” 1 Johane 4: 9. Intliziyo ehlanjululwe lubabalo lukaThixo, iphathwa ilaulwe luthando. Lusuke lusilungise isimilo, luzilaule iingcinga, luyiqhoboshe imisindo neenkanuko, luyoyise intiyo, lubukhulise ububele. Oluthando luthi lakugcinwa emphefumlweni lubenze mnandi ubomi, luthululele iimpembhelelo ezilungileyo kubo bonke, ngamacala onke.AOK 46.4

    Kukho iimposiso ezimbini ezifanele ukulunyukelwa ngokukodwa lusapho lukaThixo — ngokungakumbi aabo basandula ukuluthemba ubabalo lwakhe. Eyokuqala, esesikhe sayikhankanya, yona kanye le yokukhangela imisebenzi yabo, bathembele kwizinto abanokuzenza, besiba zizo ezinokubenza bavane noThixo. Lowo uzamela ukuba ngcwele ekuwugcineni umthetho ngemisebenzi eyeyakhe, uzama into engenakwenzeka. Yonke into umntu ayenza ngaphandle koKristu incholile kuba izele sisoono nobugqolo. Lubabalo lukaKristu kuphela, ngalo ukholo, olunako ukusenza ngcwele.AOK 47.1

    Esinye isiphosiso esikwanengozi, sesi sokucinga ukuba uthi umntu akukholwa kuKristu, abe namhla ukhululwe ekugcineni umthetho kaThixo; nokuba ekubeni kungokholo kuphela esibangamadlelane obabalo lukaKristu, imisebenzi yethu ayinanto yokwenza nenkululo yethu; kanti akunjalo.AOK 47.2

    Kodwa qonda ukuba ululamo olu alukuko ukuthobela umthetho kaThixo ngokwangaphandle, koko kukumkhonza ngothando. Umthetho lo kaThixo utyhila ubume bakhe, ubonisa ukuba yena uluthando; ke ngoko usisiseko solaulo lwakhe ezulwini nasemhlabeni. Ukuba iintliziyo zethu zihlaziyiwe zafana noThixo, ukuba uthando lukaThixo lutyaliwe emphefumlweni, awukuthi na umthetho kaThixo ubonakale ebomini bethu? Xa luthe uthando lwatyalwa entliziyweni, xa athe umntu wahlaziywa ngokomfanekiso walowo wamdalayo, liyakuba idinga lomnqophiso omtsha lifezekile, elithi, “Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo.” Hebere 10: 16. Ukuba ke umthetho ubhaliwe entliziyweni, awukubulungisa na ubomi? Ululamo — oluyinkonzo nokuzinikela kothando,— lulolona phau luyinene lomntu ongumlandeli kaThixo. Sithi isiBhalo, “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi siyigcine imithetho yakhe.” 1 Johane 5: 3. “Lowo uthi, ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso.” 1 Johane 2: 4. Endaweni yokuba lusikhulule ukholo ekuwuthobeleni umthetho, lulo kanye olu lolona lusenza sibe ngamadlelane obabalo lukaKristu, olusinceda ukuba sibe nokuthobeka silulame.AOK 47.3

    Usindiso asilufumani ngokuthi silulame; kuba usindiso olu lusisipho sikaThixo esinikwa ngesisa, ukuze samkelwe ngokholo. Ke ululamo sisiqhamo sokholo. “Niyazi ke ukuba yena wabonakalaliswa, ukuze azithwale azisuse izoono zethu; kananjalo akukho soono kuye. Bonke abahlala kuye abooni; bonke aboonayo abambonanga, abamazi nokumazi.” 1 Johane 3: 5, 6. Lulo olu uphau oluyinene. Ukuba sihlala kuKristu, ukuba uthando lukaThixo luhleli kuthi, izimvo zethu, iingcamango zethu, izigqibo zethu, izenzo zethu, ziya kulungelelana nentando kaThixo njengoko ixelwe njalo kwimimiselo yomthetho wakhe ongcwele. “Bantwanana, ma kungabi kho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.” 1 Johane 3: 7. Ubulungisa butyhilwa ngomlinganiselo ongumthetho ongcwele kaThixo, owaxelwa ngemithetho elishumi eyanikelwa eSinayi.AOK 47.4

    Olukholo kuKristu okuthiwa luyamkhulula umntu ukuba angabuye amthobele uThixo, asilulo ukholo, koko kukukhukhumala. “Kuba nisindiswe ngokubabalwa ngalo ukholo.” Efeso 2:8. Kodwa “ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.” Yakobi 2: 17. Phambi kokuba uYesu eze emhlabeni waathi ebhekisele kuye ngokwakhe, “Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo warn, ndikunanzile; nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.” Indumiso 40: 8. Uthe kanjalo ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, “Njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.” Johane 15: 10. IsiBhalo sithi, “Sazi ngalento ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. ... Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, nje-ngoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.” 1 Johane 2: 3-6. “Ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo ukuze silandele emkhondweni wakhe.” 1 Petros 2: 21.AOK 48.1

    Isiseko sobomi obungunaphakade sangoku sikwa sesiya sasisoloko sisiso—kanye eso sasi siso e-Paradisi, phambi kokuwa koomawokhulu bethu bokuqala—ukuthobela umthetho kaThixo ngokuthe nqo, nokwenza ubulungisa ngokuzeleyo. Bekungathi ukuba bunokunikwa ubomi obungunaphakade phantsi kwesiseko esinganeno kwesi kusuke ukonwaba kwendalo iphela konakale. Bekungavuleka indlela yesoono nazo zonke iintsizi neenkxwaleko ezizalwa siso, ukuze sona singaze sife.AOK 48.2

    Waye nako uAdam, phambi kokuba awe, ukuphila ubomi bobulungisa ngokuthobela umthetho kaThixo. Kodwa wasilela ukukwenza oku, kwaza ngenxa yesosoono sakhe nathi sasesimeni sokuwa, asinako ke ukuzenza silunge. Asinako ukuwuthobela. siwululamele ngokuzeleyo umthetho ongcwele kaThixo, kuba singabooni, asingcwele. Asinabulungisa bubobethu singade sihlangabeze ngabo oko kubangwa kuthi ngumthetho kaThixo. Kodwa uKristu usenzele indlela yokusinda. Wahlala ngokwakhe kulomhlaba unezilingo neenkathazo ezi sihlangana nazo. Obakhe ubomi baba msulwa. Wasifela, ngoku ufuna ukususa izoono zethu asinike ubulungisa bakhe. Ukuba uthe wazinikela kuye, wamamkela njengomSindisi wakho, wothi, ukhohlakele nje, ngenxa yakhe, ubalelwe ekubeni ulilungisa. Sothi isimilo sikaKristu sime endaweni yesimilo sakho, sikwenze ukuba wamkeleke ebusweni bukaThixo njengokungathi akonanga.AOK 48.3

    Wothi, phezu koku, uKristu ayiguqule intliziyo yakho, ahlale kuyo ngokholo. Oku kuvana kwakho noKristu ngokholo ufanele ukukugcina, uzinikele kuye ngamaxesha onke; wothi wakukwenza oku, asuke asebenze kuwe imvume ngokokuthanda kwakhe. Wode ubenako ukuthi, “Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo wazinikela ngenxa yam.” Galati 2: 20. Kungoko uKristu waathi kubafundi bakhe, “Asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.” Mateyu 10: 20. Ke xa uKristu asebenzayo ngaphakathi kwenu niya kubonakalalisa kwa laamoya mnye, nenze kwa laamisebenzi minye — imisebenzi yobulungisa nentobeko.AOK 49.1

    Ngoko ke, thina ngokwethu asinanto singaqhayisa ngayo. Asinamhlaba wakuziphakamisa. Ithemba lethu kuphela limi ebulungiseni bukaKristu esambeswe bona, nasekusebenzeni koMoya cyiNgcwele kuthi, nangathi.AOK 49.2

    Xa sukuba sithetha ngokholo, masihlale sikhumbula ukuba kukho ukucalula ekufuneka sinako ezingqondweni. Kukho inkolo ethile eyahluke kwaphela elukholweni. Ubukho bukaThixo, namandla akhe, nobunyaniso belizwi lakhe, zonke ezi zinyaniso ezingenakuphikwa nanguSatana neemikhosi yakhe iphela. I-Baibile ithi, “Nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele” (Yakobi 2:19); kanti ke noko kunjalo, olo asilulo ukholo oluyinene. Ekukholweni lilizwi likaThixo, nokuyinikela imvume ekumthobeleni; ekuyinikeleni intliziyo ngokupheleleyo kuye, nothando luxhomeke kuye ngaphezu kweento zonke ezithandwayo; nalo ke ukholo — ukholo Iona olusebenza ngothando, oluhlambulula umphefumlo. Lukholo olunjalo oluhlaziya intliziyo luyenze ifane nomDali wayo. Ithi intliziyo ebingazalwanga ngokutsha, ngako oko ingawuthobeli umthetho kaThixo, kuba ingenako ukwenjenjalo; isuke ngoku iyinonelele imimiselo yakhe engcwele ivakale isithi kunye nomDumisi, “Hayi ukwuthanda kwam umyalelo wakho! imini le yonke ndicamngca ngayo.” Indumiso 119: 97. Ubulungisa ke basemthethweni buzalisekiswe kuthi, thina, “abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya.” Roma 8: 1.AOK 49.3

    Kukho aabo bathi sebegwebekile luthando lukaKristu, abanqwenela ngenyaniso ukuba ngabantwana bakaThixo, abathi ngokuziqonda ukuba izimilo zabo azifezekile, nobomi babo buzele ziziphoso, basuke bangenwe kukuthandabuza ukuba iintliziyo zabo zihlanjululwe nguMoya oyiNgcwele. Kwaabo banjalo ndithi, Ningaze nincame nibuye umva. Ukuhlala sihleli silila ezinyaweni zikaYesu ngenxa yeziphoso, nokungafezeki kwethu, akusayi kuze kona kuphele; ke asifanele kuncama noko kunjalo. Noko luthi ngamanye amaxesha utshaba lusoyise, asincanyiwe, asilahliwe, asishiyiwe nguThixo. Hayi; uKristu ukho, uhleli ngasekunene koThixo, esithethelela nokusithethelela thina. U-Johane othandekileyo waathi, “Ndinibhalela ezizinto ukuze ningooni. Ukuba kukho othe woona, sinomThetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.” 1 Johane 2: 1. Kanjalo ningawalibali amazwi kaKristu, athi, “uBawo ngokwakhe uyanithanda.” Johane 16:27. Unqwenela ukunibuyisela kuye, nokunga ukuhlambuluka kwakhe nobungcwele bakhe bungabonakala kwizimilo zenu. Ukuba niyakuthi nizinikele kuye, wothi lowo wawuqalayo kuni umsebenzi olungileyo, awuthwale ide ibe yiloomini kaKristu. Thandazani ngokungaphezulu, nikholwe ngakumbi nangakumbi. Masingazithembhi, masithembhe amandla omKhululi wethu, sasiya kuthi ke simdumise yena, kuba engumniki kuphila kuthi.AOK 50.1

    Okukhona uya usondela kuYesu kokukhona uya kuya uzibona ukuba ukhohlakele; kuba ukubona kwakho kuya kuyakucaca, kuthi ukungasulungeki kwesimilo sakho kuthi-tyaba kube phandle wakuzithelekisa nesosimilo sifezekileyo sakhe. Yonke lento ibubunqhina bokuba amandla kaSatana aphelile kuwe, nokuba sewulaulwa ziimpembhelelo eziphilisayo zoMoya kaThixo.AOK 50.2

    Uthando lukaYesu alukhe lwendele, mhlaumbhi luhlale kwintliziyo engenako ukuziqonda ukuba yonile. Umphefumlo othe waguqulwa lubabalo lukaKristu, usuka usithande isimilo sikaThixo esingcwele; kodwa xa ukulimala kwethu kwasemphefumlweni singakuboniyo, lonto yalatha ukuba asikatyhileki amehlo kangangokuba sibuqonde ubuhle, nokucoceka kukaKristu.AOK 50.3

    Okukhona kuya kuphela kuthi ukuzingca, kokukhona siya kukubona ngakumbi esifanele ukukuncoma, sikuthande kwesosimilo sibungcwalisa, sikuthandeka kungaphele ndawo somSindisi wethu. Ukuzibona kwethu ukuba sikhohlakele kusiqhubela kuye yena unamandla okuxolela izoono; uze uthi umphefumlo wakuziqonda ukuswela amandla kwawo, uzolulele kuKristu, aze azityhile kuwo ngamandla. Ngokuya iintswelo zethu zisiqhubela kuye, nakulo iliZwi likaThixo, kokukhona siya kuya sisincoma isimilo sakhe; sizama kanjalo ngakumbi ukuba eso similo sakhe sibonakalaliswe esimilweni sethu.AOK 50.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents