Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    9. UMSEBENZI NO-BOMI

    NGUTHIXO ongumthombho wobomi nokukhanya novuyo endalweni yonke. Njengemitha yokukhanya ephuma elangeni, njengemisinga yamanzi aqukuqela ephuma emthonjeni, kunjalo ukuphuma kweentsikelelo kuye zisiya kuzidalwa zakhe zonke. Buthi ke ubomi bukaThixo xa buhleliyo ezintliziyweni zabantu, buzibonakalalise ngokuphumela kwabanye ngothando nangentsikelelo.AOK 60.1

    Eyona nto yayiluvuyo lomSindisi wethu, yayi kukuphakamisa nokukhulula uluntu oluwileyo. Ngenxa yoku wasuka nobomi bakhe akabuconga, wawuthwala umnqamlezo, elidela ihlazo. Ngoko ke nazo izithunywa zezulu zihleli ziququzela zisebenzela ukuba bonke abantu bonwabe. Le yeyona nto ziyithanda kakhulu. Eyonanto abantu bayikhangelele ukuba kukuzithoba, le yokulungiselela nokukhonza uluntu olonakeleyo ngendlela zonke zesimilo, noluphantsi; yeyonanto kanye ingumsebenzi wezo zithunywa zezulu zingazange zoone. Umoya kaKristu wokuzincamela uluntu oluwileyo, nguwo owona moya kanye uzalise izulu noyincasa yobumnandi balo. Baya kuba nalomoya ke abalandeli bakaKristu, benze nalomsebenzi.AOK 60.2

    Xa luthe uthando lukaKristu lwahlala entliziyweni, njengevumba elimnandi alunako ukufihlakala. Ziyakuthi iimpembhelelo zalo ezingcwele ziviwe ngabantu bonke esidibana nabo. Umoya kaKristu xa usentliziyweni ufana nomthombho osentlango, onceda abantu bonke, ngokukodwa aabo baphela linxano lokunxaneda abantu bonke, ngokukodwa aabo baphela linxano, ukunxanela amanzi obomi.AOK 60.3

    Ukumthanda uYesu kuzibonakalalisa ngokulangazelela uku-sebenza njengoko wasebenzayo, ngenxa yentsikelelo nokuphakanyiswa koluntu. Kukhokelela eluthandweni, ekuthantamiseni, nasekuvelaneni nazo zonke izidalwa zoBawo wethu osezulwini.AOK 60.4

    Ubomi bomSindisi kuwo lomhlaba babungebubo ubomi bokonwaba nobokuzikhathalela yena ngokwakhe, babu bubomi bokusebenza ngomonde, nokwenza imigudu engathethekiyo yokuzama ukusindisa uluntu olulahlekileyo. Ukususela emkhumbhini wesitali kude kuse eKalvari, yena wahambha ngendlela yokuzikhanyeza, akafuna ukunga anga khululeka kwimisebenzi enzima, neehambho ezibuhlungu, nakumaxhala aphelisa amendu. Waathi. “U-Nyana womntu akezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe. bube vintlaulelo yokukhulula abaninzi.” Mateyu 20: 28. Le yeyona njongo eyayinkulu ebomini bakhe. Yonke enye into yayishiyiselwa yile. Okona kutya nokusela kwakhe yayi kukwenza intando kaThixo nokufeza umsebenzi wakhe. Kona ukuzenzela nokuzilungiselela kwa kungekho kanye konke kuye.AOK 60.5

    Ngoko ke aabo bangamadlelane obabalo lukaKristu, baya kuhlala belungele ukuzincama ngokunga aabo bafelwe yiNkosi bangasifumana nabo eso sipho sezulu. Baya kukwenza konke abanako ukuzama ukuwenza lomhlaba ube yindawo efanelwe kukuhlaliwa ngabo. Umoya onjalo usisiqiniso sokukhula komphefumlo oguquke ngenyaniso. Uthi umntu akuguquka, kwa oko kubekho umnqweno entliziyweni yakhe, wokunga angaxelela abanye ngaloYesu ungumhlobo wakhe wodidi; isuke lenyaniso imsindise yamngcwalisa angabi nako ukuyigcina kuye ngokwakhe yedwa. Ukuba ubulungisa bukaKristu sibambhethe, ukuba sizaliswe luvuyo loMoya wakhe ohleli ngaphakathi kwethu; asiyi kuthi cwaka singathethi ngaye. Ukuba ngaba sinchamle sabona ukuba iNkosi ilungile, siya kuba nento yokuthetha ngayo. Siyakufana noFilipu owathi akumfumana umSindisi, waya kumemela abanye kuye. Siyakuzama ukunga bonke abantu bangakuqonda ukulunga kukaKristu, baziqonde iinyaniso ezingenakubonwa zelizwe elizayo. Siya kunxakamela ukunga singahambha ngaloondlela uKristu wahambha ngayo. Siyakunqwenela ukunga bonke abantu abasingqongileyo bangayibona, “imVana kaThixo ethwala isuse isoono sehlabathi.”AOK 61.1

    Iyakuthi ke imigudu esiyizamayo yokunga singaba yintsikelelo kwabanye, ibange ukuba nathi sisikeleleke ngokwethu. Le yayi yinjongo kaThixo ekuvumeleni umntu ukuba abe nento yokwenza kwicebo losindiso. Unikele kubo bonke abantu ilungelo lokuba babe ngamadlelane obume bakhe obungcwele, ukuze bona, ngelabo icala, bazisasazele iintsikelelo kwabanye abantu. Le yeyona mbheko iphakamileyo, lolona vuyo lukhulu uThixo anokulunika umntu. Aabo ngoko abathe ngalendlela benziwa amadlelane ngomsebenzi wothando basondezwe kufuphi ngakumbhi nomDali wabo.AOK 61.2

    U-Thixo wayenako ukuwunikela lomsebenzi wokuqhutywa kweNdaba ezilungileyo kwizithunywa zezulu, kwakunye nawo wonke umsebenzi wolungiselelo lwothando. Ngewayenze ndlela zimbhi zokufeza icebo lakhe. Kodwa ngothando lwakhe olungenamlinganiso, wasinyula ukuba sibe ngabasebenzisani kunye naye, noKristu, nakunye nezithunywa zezulu, ukuze sibe nesabelo kwintsikelelo, novuyo, nokuphakanyiswa kwasemoyeni, izinto ezo eziziziqhamo zolulungiselelo lungenabugqolo.AOK 61.3

    Sisondezwa ekuvelaneni noKristu ngokudlelana naye ngeentlungu zakhe. Sonke isenzo sokuzibingelela ngenxa yokulungelwa kwabanye, someleza umoya wesisa entliziyweni yomphi, kumalamanisa ngokungaphezulu nomKhululi wehlabathi, yena, “waathi esityebi nje, wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nibe zityebi ngabo ubuhlwempu bakhe.” Kuphela ke kungokuthi siyizalise ngalendlela eyona njongo kaThixo asidalela yona, ekuya kuthi ubomi bube yintsikelelo kuthi.AOK 62.1

    Ukuba uthe wasebenza njengoko anga uKristu bangasebenza ngako abantu bakhe, uzamele ukumzuzela imiphefumlo, woqala kwa oko ubone ukuba kufuneka ube namava anzulu nolwazi olukhulu lwezinto zobuthixo, ukuze ubulambhele ubunxanele ubulungisa. Uya kuzamana noThixo, lwaye ukholo lwakho luya komelezwa nomphefumlo wakho ube ligongqogongqo ukusela amanzi eloqula losindiso. Ziyakuthi izilingo nezithintelo oqubisana nazo, zikuqhubele ukuba uthandaze, unyameke ukufunda iziBhalo ngakumbhi. Uya kukhula elubabalweni nasekumazini uKristu, ube namava atyebileyo.AOK 62.2

    Ukuzilahlela emsebenzini wokusebenzela abanye, kunika ubunzulu, ukuqina kwesimilo, nokuthanda uKristu, kuzise uxolo nokonwaba kulowo usebenzayo. Amabhongo aba ngaphakamileyo. Akubikho ndawo yabuvila nabugqolo. Bonke ke abasebenzisa ngoluhlobo iitalente zabo, bosuke bomelele emsebenzini kaThixo. Boba nokuziqonda ngokucacileyo izinto zomoya, baye bekhula elukholweni, besanda emandleni okuthandaza. Wothi uMoya kaThixo wakukhothana nomoya wabo, usuke umphefumlo wabo unxakame. Bonke aabo bazinikele ekwenzeni imigudu yokusindisa abanye, bazisebenzela ngalondlela kwa nolwabo usindiso.AOK 62.3

    Inye indlela enokumenza umntu ukuba akhule elubabalweni, kukusuke asebenze ngokuzilahleleyo lomsebenzi siwumiselwe nguKristu. Asebenze kangangoko anako ukunceda abafuna uncedo. Amandla akhuliswa kukusebenza; ukuququzela yeyona ngxam yobomi. Aabo balinga ukugcina ubomi bobuKristu ngokwamkela nje iintsikelelo zobabalo babe besonga izandla bengamsebenzeli uKristu, bafana kanye nomntu odla elele phantsi. Njengoko kunjalo kwezenyama, kunjalo nakwezomoya, usuke umntu onjalo angabinto yakwalutho, asuke abuye umva, afe. Umntu ongavumiyo ukuwushukumisa umzimbha, usuke abe yindongela, asel’esifa namlungu omzimbha wakhe. Kwangokunjalo umKristu ongawasebenzisiyo amandla awanikwe nguThixo, uba sidodo kuKristu, aphelelwe nokuphelelwa nangamandlana abe nawo.AOK 62.4

    I-Bandla likaKristu liyeyona nto uThixo azimisele ukuba asebenze ngayo ukusindisa abantu. Umsebenzi walo eliwumiselweyo kukuhambisa iNdaba eziLungileyo kulo lonke ihlabathi. Lo ke ngumsebenzi omiselwe ukuba wenziwe ngumntu wonke olikholwa. Ulowo nalowo, ngangamandla akhe, ngangetalente zakhe, ngangamathuba anawo, umelwe kukuba awenze awufefe lommiselo womSindisi. Uthando lukaKristu olo lutyhiliweyo kuthi, lusenza ukuba sibe ngabanetyala kwaabo bangamaziyo. U-Thixo akasinikanga ukukhanya ukuba bukhanyisele thina kuphela, kodwa ukuba sikhanyisele nabanye.AOK 63.1

    Ukuba abalandeli bakaKristu bebeyazi imfanelo yabo, ngebeba bangamawaka abashumayela iNdaba eziLungileyo phakathi kwamazwe abahedeni. Bebengathi nabangenako ukuphuma bayokushumayela ngokwabo, bawuxhase lomsebenzi ngeemali zabo, ngokuvelana nawo, nangemithandazo yabo. Kanjalo, ubungaba mkhulu umsebenzi wokuzingela imiphefumlo kumazwe obuKristu.AOK 63.2

    Besingede siye kumazwe abahedeni, okanye siwushiye ummandlana omncinane ozungeleze ikhaya, ukuba ngaba imfanelo yethu ikuwo, yokusebenzela uKristu. Sinokukwenza oku emmandleni wekhaya, eBandleni, phakathi kwaabo siqhelene nabo, naphakathi kwaabo sisebenza nabo.AOK 63.3

    Elona xesha likhulu lobomi bomSindisi wethu emhlabeni, lelo walichithela emsebenzini wokuchwela imithi eNazarete. Izithunywa zezulu zaziyilungiselela iNkosi yobomi xa yayihambha imana ukugudlana nabantu abaphantsi, nabasebenzi, ingaziwa ingabekiwe emhlabeni. Waye nyanisekile emsebenzini wokuchwela kanye njengoko wayenjalo ekuphiliseni imilwelwe okanye ekucandeni amaza alwayo olwandle laseGalili. Nathi ke singamkhonza sihambhe naye uYesu ngokukhuthalela imisebenzana neendawo eziphantsi.AOK 63.4

    Umpostile uthi, “Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.” 1 Korinte 7: 24. Indoda eqhuba ishishini inokuliqhuba ngokukholekileyo izukise uThixo ngalo. Ukuba ingumlandeli kaKristu onyanisekileyo, iya kukubonakalalisa oko kwinto yonke eyenzayo, ibabonise abantu umoya kaKristu. Umkhandi makabe ngokhutheleyo, nokholekileyo njengommeli waLowo wasebenzayo kwezondlela zithobekileyo zobomi ziphakathi kweenduli zaseGalili. Wonke umntu ozibizayo ngegama likaKristu, ufanele ukuthi ukusebenza kwakhe, asebenze ngoku- nga ingabonakala ithandwe ngabanye imisebenzi yakhe, bamzukise umDali nomKhululi wabo.AOK 63.5

    Baninzi abamana ukuzithethelela ngelithi bona abanazo izipho zokumkhonza uKristu, njengoonantsi noonantsi abanezipho ezikhulu, nemfundo ephakamileyo. Lento yokuba ngaabo banezipho ezizodwa abafanele ukusebenzela uThixo, se ide yaligqiba lonke ilizwe. Sebede abantu abaninzi bazikhohlisa ngokuthi, lento ikukusebenzela uKristu imiselwe oonantsi noonantsi bona banetalente zayo; batsho bathi, bona bangaphandle, abangabo ababiziweyo kuwo lomsebenzi, baye kananjalo bengayi kufumana namvuzo wawo. Awutsho kodwa wona umzekeliso. Wona uthi, waathi umnini-ndlu akubabizela kuye abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe.AOK 64.1

    Ngoko ke masiyenze yonke imisebenzi yethu ngomoya wothando, “kunge kukwiNkosi.” (Kolose 3: 23.) Ukuba uthando lukaThixo lukho entliziyweni, luya kubonakala ebomini bethu. Lothi nevumbha elimnandi likaKristu lisingqonge, ithi nempembhelelo yethu iphakamise ibe yintsikelelo.AOK 64.2

    Musa ukulinda amathuba amakhulu, okanye ukuba nobuchule obubodwa phambhi kokuba ube nokusebenzela uThixo. Ungacingi nokucinga ukuthi azi bothini na abantu bakukubona uzinikela emsebenzini. Ukuba ubomi bakho bemihla ngemihla bunqhina ukuba luhlambhulukile luqinile ukholo lwakho, babe abantu beqonda ukuba uzamela ukuba balungelwe, imizamo yakho ayikulahleka kuphele.AOK 64.3

    Oyena uthobekileyo noyena uphantsi kubalandeli bakaYesu, angaba yintsikelelo kwabanye. Bangade mhlaumbhi bangaqondi ukuba bananto ilungileyo bayenzayo, kanti noko ngempembhelelo yabo yobulungisa bangavusa iintsikelelo ezingaphele ndawo, bavelise iziqhamo ezikhulu eziyakuthi bona bebengazi bazive zikhankanywa ngemini yokwamkeliswa kwemivuzo yokugqibela. Abeva, bengazi kananjalo, ukuba benza umsebenzi omkhulu. Akufuneki ukuba bazidinise ngokuxhalela ukuthi awuphumeleli umsebenzi wabo. Kufuneka nje baqhubele phambhili bona, bawenze ngokukholeka umsebenzi abanike wona uThixo, bothi bakwenza njalo babe bayifezile eyabo imfanelo. Iya kuthi ke imiphefumlo yabo iye ikhula ngokungaphezulu ikhulela ekufaneni noKristu; bangabasebenzisani noThixo kobubomi, ngalendlela ke bazilungiselela owona msebenzi mkhulu nolona vuyo lungenazithinzi lobomi obuzayo.AOK 64.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents