Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2. U-KRISTU YIMFUNEKO KUMOONI

    UMNTU lo kwasemvelweni, wanikwa amandla amakhulu nengqondo ephilileyo. Wadalwa wafezeka wavana noThixo. Iingcamango zakhe zazinyulu, nezigqibo zakhe zingcwele. Uthe ngokugqitha umthetho, asuka amandla akhe agqwetheka, kwathi ukuzithanda kwathabatha indawo yothando. Buthe ubume bakhe, ngokuswela amandla kukwaphula kwakhe umthetho, babetha kwayinkohla kanye ukuba, ngamandla akhe, abe nokumelana namandla enkohlakalo. Wathinjwa nguSatana, ke ngewaye hleli koko kuthinjwa unaphakade ukuba ubengathanga uThixo amhlangule. Injongo kamTyholi yayi kukuphazamisa icebo lomDali ekumdaleni umntu, nokuwuzalisa umhlaba uphela ngokonakala nobubi. Wayefuna ukuze amana ukwalatha kulenkohlakalo, esithi iveliswe nguThixo, ngokusuke adale umntu.AOK 13.1

    Okuya umntu wayengekabi nasoono, waye nobudlelane nalowo “ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.” (Kolose 2:3.) Emva kokuba ewile, akabanga nakuyolelwa bungcwalisa, wasel’esuka ngoko ebuzimela ubuso bukaThixo. Sisenjalo ke nanamhla isimo somntu ongekaguquki. Akavani noThixo, engayolelwa nokuyolelwa kukuba nobudlelane naye. Umooni akangeze onwatyiswe kukuhlala noThixo, angoyika ukuqhelana neziqu ezingcwele. Angafanelana ekhe wavunyelwa ukuba alingene izulu, akangeze afumane konwaba khona. Lamoya wothando olukhululekileyo ulaula khona — obabunye bungunaphakade baabo bakhona noThixo — ezonto akangeze avane nazo. Iingcinga neminqweno yakhe, zingasuka ziphambane kanye nezo zaabo bangenasoono bakhona. Kwiingoma ezimnandi zezulu, yena angafana nomntu oyilozayo. Izulu kuye lingafana nendawo yembandezelo; angasuka anga angafihlwa kuloThixo ukukukhanya kwalo, nosisazulu sovuyo lwalo. Ngoko akungethiwa yimphatho embi, le yokuba uThixo emise umthetho wokuba okhohlakeleyo angalingeni izulu: kuba, uvalelwe kukungalifaneli kwakhe, nakukungafaneli kuhlala naabo bakhona. Uzuko lukaThixo kwaabo banjalo, belungasuka lube ngumlilo odlayo. Bebengasuka bakuvuyele ukufa ngokunga bangazimela ubuso balowo wafela ukubathenga.AOK 13.2

    Kunqabile kanye, kuthi ngokwethu, ukuwusaba lomnxhuma wesoono sitshone kuwo. Intliziyo zethu zisisoono, asinako ukuziguqula. “Ngubanina ongakhupha okuhlambulukileyo koko ku- yinqambi? akukho nokuba abemnye.” (Jobi 14: 4.) “Ngokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo: kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenzanjalo.” (Roma. 8: 7.) Imfundo, ukukhuliswa kakuhle, ukusebenzisa ingqondo, imigudu yonke yobuntu; zonke ezonto zinendawo yazo eziyifaneleyo. Zingade kambe zimenze aziphathe kakuhle umntu ngaphandle, kodwa azinako ukuyiguqula intliziyo, zize ziwuhlambulule umthombo wobomi. Umntu kufuneka esetyenzwe ngamandla avela ngaphakathi, azuze ubomi obutsha obuvela phezulu, phambi kokuba aphume esoonweni angene ebungcweleni. Lomandla ke nguKristu. Lubabalo lwakhe lodwa olunokuphilisa iingqondo ezifileyo zomphefumlo, luze luwutsalele kuThixo nase bungcweleni.AOK 13.3

    UmSindisi wathi, “Ukuba akathanga umntu azalwe phezulu,” oko kukuthi azuze intliziyo entsha, iminqweno emitsha, izigqibo neengcinga ezintsha, ezimkhokelela kubomi ubutsha,—“akanako ukububona ubukumkani bukaThixo.” (Johane 3: 3.) Olu luvo lokokuba kuphela kwento enokwenziwa ngumntu, kukuphembelela okuyakulunga wavela nako ngendalo, luyinkohliso enkulu. “Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi kuba ziphicothwa ngokoMoya.” (1 Korinte 2: 14.) “Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.” (Johane 3: 7.) Kubhaliwe kwathiwa ngoKristu, “Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu,” (Johane 1:4.) — kuba akukho “gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.” ( Izenzo 4: 12.)AOK 14.1

    Akwanele ukuba umntu abone ububele bukaThixo obungathethekiyo, isisa, nenceba yesimilo sakhe sobuzali. Akwanele ukuba aqonde ubulumko nokulunga komthetho wakhe — ukubona ukuba usekwe phezu kothando olungunaphakade. Umpostile uPaulos wakubona oku, wathi, “Ndivumelana nomthetho ukuba mhle.” “Umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.” Ubuye walekela — ebukrakreni, ebuhlungwini nasekuncameni komphefumlo — ngelithi, “Ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesoono.” (Roma 7: 16, 12, 14.) Walangazelela ukucoceka nobulungisa awayengenamandla yena ngokwakhe okubufikelela, waza wadanduluka wathi, “Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi ngubanina oya kundikhulula kulomzimba woku kufa?” (Roma. 7: 24.) Kuwo onke amazwe namaphakade, sibe njalo isikhalo esiya kuThixo siphuma kwiintliziyo eziva ubunzima besoono. Kanti kuzo zonke, impendulo inye, yile ithi, “Naantso imVana kaThixo ethwala isuse isoono sehlabathi.” (Johane 1: 29.)AOK 14.2

    U-Moya kaThixo uyityhila lenyaniso ngemifanekiso emininzi, uyicacisa kuyo yonke imiphefumlo enga ingakhululwa kubunzima betyala. Wathi uYakobi akuzimela kowabo, emva kwesoono sakhe sokukhohlisa ulsake, waziva esindwa bubunzima betyala lakhe. Uthe namhla kuba eyindlondlo nelolo, sisuke isoono sakhe samahlula kwabebathanda; wangenelwa yingcinga yokoyika ukuba esisoono sakhe, simahlule nakuThixo, samenza ukuba alahlwe ezulwini. Uthe ekolosizi wahlwelwa, wasel’esuka elala phantsi emhlabeni ukuba aphumle. Wayezungulezwe ziinduli ezize ngawo onke amacala, isisibhakabhaka esiqaqambiswe zinkwenkwezi ngaphezu kwakhe. Uthe elele njalo wabona umbono oqaqambileyo; wabona kwelothafa libanzi wayelele kulo, ileli ende emabanga athabathele emhlabeni ada esa kusango lezulu kanye, zabe izithunywa zikaThixo zinyuka zisihla ngawo, kwabe kanjalo kumana ukuvakala phezulu ilizwi likaThixo elinika intuthuzelo nethemba. Oku konke yayi kukwazisa uYakobi ukuba inye into efanele umphefumlo wakhe — ngumSindisi yedwa. Uthe akuyibona ityhilwe ngoluhlobo indlela angasindiswa abuyiselwe ngayo umooni ebudlelaneni bukaThixo, wasuka wavuya ngovuyo olukhulu. Loo leli wayibona kwelophupha lakhe yayityhila uYesu, ixela ukuba nguye kuphela onokuhlanganisa umntu noThixo.AOK 15.1

    Yayi kwanguwo loomfanekiso, Iowa uKristu wathetha ngawo kwincoko yakhe no-Nataniyeli, okuya wathi, “Niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana womntu.” (Johane 1: 51.) Ekuweni kwakhe umntu, wazahlula yena ngokwakhe kuye uThixo, wasuka nomhlaba wahluka kulo izulu. Kuthe ngenxa yalomsantsa akwabikho budlelana phakathi komhlaba nezulu. Ke namhla, ngenxa kaKristu, umhlaba ubuye wamanywa nezulu. U-Kristu uthe ngezenzelelelo zakhe wabuya wawuvala lomsantsa wawenziwe sisoono, ukuze izithunywa zikaThixo zibuye zibe nobudlelane naye umntu. U-Kristu udibanise umntu owileyo, onobulwelwe, nongenako ukuzinceda, kunye noThixo omandla angaphele ndawo.AOK 15.2

    Akungencedi lutho ukuqhubela phambili komntu, nokuzama kwakhe ukuphakamisa olunye uluntu, ukuba uthe akamsa so uThixo olithemba noncedo loluntu oluwileyo. “Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo, sihla sivela kuThixo.’’ (Yakobi 1: 17.) Akukho similo sihle singaphumi kuye, yabe nendlela eya kuThixo ingoKristu kuphela. Uthi, “Indlela, inyaniso, ubomi, ndim; akukho namnye uzayo kuBawo engezi ngam.” (Johane 14: 6.)AOK 15.3

    Intliziyo kaThixo ilulilela usapho lwakhe olusemhlabeni ngo-thando olunamandla kunokufa. Usinike isipho esilizulu liphela ngokusinika uNyana wakhe. Ubomi nokufa komSindisi, ukusithethelela kwakhe, ulungiselelo lwezithunywa, uthelelo loMoya oyiNgcwele, ukusebenza koBawo phezulu kubo bonke, ukunonelela okungaphele ndawo kweziqu ezisezulwini — zonke ezonto zimiselwe ukusebenzela inkululeko yomntu.AOK 16.1

    Makhe sicamange ngelodini lingummangaliso salenzelwayo! Masilinge ukubuqonda ubukhulu balomsebenzi siwenzelwa lizulu, wona ngowokusisindisa, nokubuyisela endlwini kaBawo oko kulahlekileyo. Izinto ezigqithe ezi ukulunga nokuba namandla bezingeze zisetyenziswe. Imivuzo emikhulu kangaka yokwenza ubulungisa, ukudliwa kobumnandi bezulu, ubunye nezithunywa zezulu, ubudlelane nothando lukaThixo noNyana wakhe, ukuphakanyiswa kwawo onke amandla ethu, kuwo onke amaphakade — ezizinto bezingafanele kusomeleza zisinyanzele na ukuba umDali nomKhululi wethu simnike inkonzo yothando oluphuma entliziyweni? Ke, ngelinye icala, izigwebo zikaThixo ngakuso isoono, impindezelo eyakubakho, ukonakala kwesimilo sethu, ukutshatyalaliswa kwethu ekupheleni; zonke ezozinto zixelwa eLizwini likaThixo, ukuze zilumkise thina ngakuyo inkohlakalo kaSatana.AOK 16.2

    Lenceba inkulu kangaka kaThixo asiyi kuyikhathalela na? Ube ngade asenzele ntonina ebingagqitha kule? Masivane naloThixo usithande ngothando olunje ukuba ngummangaliso. Masilwamkele ulungiselelo asenzele Iona, ukuze siguqulwe sifane naye, nokuze sibuyiselwe ebudlelaneni bezithunywa zakhe, nakubunye bobudlelane boYise noNyana.AOK 16.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents