Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Kugqityiwe

    Bawulinda abantu lombono woyikekayo bethe zole. Kwakhona ilanga lakhanya, kodwa umnqamlezo wa- wugutyungelwe bubumnyama. Ngequbuliso ubumnyama basuswa emnqamlezweni, waza ngelizwi elicace okwesigodlo, elabangathi lihlokoma endalweni iphela, wadanduluka uYesu esithi, “Kugqityiwe.” Johane 19: 30. “Bawo, ndiya wunikela esandleni sakho umoya wam.” Luka 23: 46. Kwabakho ukukhanya okuwenzela isanqha umnqamlezo, baza ubuso bomSindisi babengezela bubuqaqauli obunjengobelanga. Wayithoba ke intloko yakhe phezu kwesifuba sakhe wafa.IL 204.3

    Ngomzuzu wokufa kukaYesu, kwa kukho ababingeleli belungiselela etempileni phambhi kwekhuselo elahlula indawo engcwele kwingcwele kangcwele. Ngebhaqo bawuva umhlaba unyikima phantsi kwabo, laza ikhuselo letempile, ilaphu elihle elomeleleyo elalihlaziywa umnyaka ngamnye, lakrazulwa kubini lithabathela phezulu laza kuphuma ezantsi kwa sesosandla singenagazi esabhala amazwi esigwebo phezu kweendonga zebhotwe likaBeleshatsare.IL 205.1

    UYesu akabunikelanga ubomi bakhe ngaphambhi kokuba awufeze umsebenzi awayeze kwenza wona; waza wathi ke ekuphumeni komoya wakhe, “Kugqityiwe!” Izithunywa zezulu zavuya akuba loo mazwi evakalisiwe, kuba icebo elikhulu losindiso laliphunyeziwe ngoloyiso. Kwabakho uvuyo ezulwini ngokuba oonyana bakaAdam ngoku, ngenxa yobomi bokuthobela, benokuphakanyiselwa ekugqibeleni phambhi kobuso bukaThixo. USatana waye oyisiwe, esazi ukuba ubukumkani bakhe bulahlekile.IL 205.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents