Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuhlangulwa Sisithunywa Sezulu

    Babanjwa ke ngako oko abapostile bafakwa entolongweni, kwabizwa intlanganiso yamatyala ukuba icikide ityala labo. Iqela elikhulu lamadoda afundileyo, ukongezelela iqumru elo, abizwa, baza kunye bacebisana ukuba kungenziwa ntoni na ngaaba baphazamisi boxolo. “Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi, Hambhani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi. Bevile ke, bangena kwa ngesifingo etempileni, bafundisa.”IL 231.2

    Bathe abafundi bakubonakala phambhi kwabantu babaxelela ngokukhokelwa kwabo sisithunywa sezulu baphumela kwiqela lamasoldathi alinde intolongo sa- bayalela ukuba bawuqalise umsebenzi kuleya ndawo baphazanyiswe kuyo ngababingeleli nabaphathi, abazalwana bazaliswa luvuyo nakukukhwankqiswa.IL 231.3

    Ababingeleli kunye nabaphathi equmrwini babegqibe ukubabeka ityala lokudala isidube-dube babatyhole ngokubulala uHananiya noSafira (Zenzo 5: 1-11), nokuceba ukuphanga ababingeleli igunya labo bababulale. Babethembhe ukuba isihlwele siya kuphembheleleka ukuba siwuthabathele kuso lomcimbhi senze ngakubapostile njengoko saasenzile kuYesu. Babeqonda ukuba abaninzi baabo babengayamkelanga imfundiso engoKristu badiniwe lulaulo lokuzithandela lwamagunya obuJuda belangazalela ngoko inguqulelo ecacileyo. Xa ke ababantu bebenganonandipho, bayamkele lenkolo yabapostile, bemvuma uYesu ukuba unguMesiya, boyika ukuba umsindo wabantu bonke bephela uyakuvukela ngakubabingeleli, benziwe baphendule ngenxa yokumbulala uKristu. Bagqiba ukuba bathabathe amanyathelo aqatha okukuthintela oku. Bathumela ke ukuba baye kubizwa aabo babecingelwa ukuba bangababanjwa baziswe phambhi kwabo. Kwaba kukhulu ukukhwankqiswa kwabo yakuba ibuyile ingxelo ethi iingcango zentolongo zifunyanwe zivaliwe ngokuqinileyo nabalindi bemi ezindaweni zabo phambhi kwazo, kodwa ababanjwa ababanga nakufunyanwa.IL 232.1

    Kungekudala kwaziswa udaba oluthi: “Yabonani, amadoda lawa be niwafake entolongweni, naangaya etempileni, emi efundisa abantu.” Nakuba abapostile babehlangulwe ngendlela engummangaliso entolongweni, babengasindiswanga ekumisweni ematyaleni nasekohlwayweni. UKristu wayethe xa waye nabo, “Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala.” UThixo waye banike umqondiso wononelelo Iwakhe nokuqiniseka kobukho bakhe ngokuthumela isithunywa kubo ; kwa kusisabelo sabo ke ngoku ukuba bave iintlungu ngenxa kaYesu lowo bamshumayelayo. Abantu babehlatywe koko bakubonileyo bakuva ngangokuba ababingeleli naba-phathi bazi ukuba abayi kuba nako ukubaphembhelela abantu ukuba babachase abapostile.IL 232.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents