Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 35—Ulungelelwano LweeNdaba Ezilungileyo

    “KE kaloku ngaloo mihla, bakubona ukuba bayanda abafundi, kwaba kho ukukrokra kwawesiGrike amaJuda ngakwawesiHebere, ngokuba abahlolokazi bawo babesilela ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.” LamaGrike aye ngabahlali bamanye amazwe, apho kwakuthethwa ulwimi lwesiGrike. Awona maninzi amakholwa ayengamaJuda athetha isiHebere; kodwa la ayehlala ebukumkanini bamaRoma, ethetha kuphela isiGrike. Kwavuka ukukrokra phakathi kwawo ngenxa yokuba abahlolokazi bamaGrike babengabelwa ngokukhululekileyo njengaabo bamaHebere. Naluphina ukhetho oluloluhlobo lwaluya kumhlungisa uThixo; kwenziwa amanyathelo akhaulezileyo okubuyisela uxolo nolungelelwano phakathi kwamakholwa.IL 235.1

    UMoya oyiNgcwele wacebisa indlela abangakhululwa ngayo abapostile emsebenzini wokulungiselela amahlwempu, neminye imisebenzi enjengaleyo, ukuze bakhululeke ukuba bashumayele uKristu. “Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambhi wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni. Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abesixhenxe, anqhinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwawisela lomsebenzi; ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.” Ibandla ke lanyula amadoda asixhenxe azele lukholo nabubulumko boMoya kaThixo, ukuba aphathe umsebenzi wokulungiselela lomsebenzi. UStefano wanyulwa kuqala; waye ngumJuda ngokuzalwa, kodwa ethetha ulwimi lwesiGrike, eqhelene kananjalo namasiko nokuziphatha kwamaGrike. Wakhangelelwa ke ngoko njengoyena mntu ufaneleke ngaphezulu ukuba ongamele ukwabiwa kweemali ezabelwa abahlolokazi neenkedama, namahlwempu afanelekileyo. Olu nyulo lwamkeleka ezingqondweni zabo bonke, kwaza ukunganeliswa nokukrokra kwazoliswa.IL 235.2

    Lamadoda asixhenxe anyuliweyo abekelwa bucala umsebenzi wawo ngomthandazo nobeko Iwezandla. Aabo ke babe bekwe izandla ngaloo ndlela babengavalelwanga ekuyifundiseni inkolo le. Endaweni yoko, kubhaliwe ukuba “UStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu.” Babe kufanele ngokupheleleyo ukufundisa ngayo inyaniso. Kananjalo babe ngamadoda agweba kakuhle nakwaziyo ukucalula, ekulungele kanye ukuthetha amatyala anzima okulingwa, okanye okukrokra nekhwele.IL 236.1

    Oku kunyulwa kwamadoda okusebenza umsebenzi webandla, ukuze abapostile bakhululeke ukuba basebenze umsebenzi owodwa wokufundisa inyaniso, kwasikelelwa kakhulu nguThixo. Ibandla laanda ngamanaani nangamandla. “Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inaani labafundi eJerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli, lilululamela ukholo.”IL 236.2

    Kuyimfuneko ukuba kwa olu lungelelwano nolungiselelo luhlale lugciniwe ebandleni namhlanje njengakwimihla yabapostile. Impumelelo yomsebenzi ixhomekeke ngokukhulu kumasebe ngamasebe awo ukuba onganyelwe ngamadoda anamandla, azifaneleyo ezondawo. Aabo banyulwe nguThixo ukuba babe ziinkokeli zomsebenzi kaThixo, abongamela icala lasemoyeni lebandla, bafanelwe kukukhululwa, kangangoko kunokwenzeka, emithwalweni nasezingxakini zezinto zasemhlabeni. Aabo uThixo ababizele ukuba balungiselele ngelizwi nangemfundiso bafanelwe kukufumana ithuba lokucamngca, nokuthandaza, nokuqwalasela iziBhalo. Ukucalula kwabo okucacileyo kwasemoyeni kuya kwenziwa luzizi kukungena kwabo kwiindawo-ndawana ezincinane zomsebenzi kwa nezimbho ngezimbho zaabo bahlanganiselana imicimbhi yebandla. Kulungile ukuba izinto zonke ezilunge ne- ntlalo yethu yakalokunje zize phambhi kwamagosa alungele zona ukuba zilungiswe. Kodwa ukuba zezisimilo sinzima ngangokuba zibubhide ubulumko bawo, ma zidluliselwe equmrwini laabo balongameleyo ibandla liphela.IL 236.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents