Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 36—Ukufa KukaStefano

    USTEFANO wayekhuthele kakhulu emsebenzini kaThixo eluvakalisa ukholo lwakhe ngesibindi. “Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwaAlesandire, nabathile belaseKiliki, nabalaseAsiya, bephikisana noStefano; ababi namandla akumelana nabo ubulumko nomoya awayethetha ngawo.” Aaba bafundi babafundisi abakhulu bamaJuda babe kholose ngokuba engxoxweni yasesidlangalaleni bangamoyisa mpela uStefano, ngenxa yokuba babemcingela ukuba akafundanga. Kodwa akathethanga kuphela ngamandla oMoya oyiNgcwele, kodwa kwacaca kubo bonke ukuba ukwa ngumqwalaseli weziprofeto ezifundile nazo zonke izinto zasemthethweni. Wazikhusela ngamandla iinyaniso azivakalisayo, waboyisa ngokupheleleyo abachasi bakhe.IL 237.1

    Ababingeleli nabaphathi abakubonayo ukubonakaliswa okukhulu kwamandla okwapheleka ulungiselelo lukaStefano bazaliswa yintiyo ekrakra. Endaweni yokubuvuma ubunyaniso bobunqhina abubeka phambhi kwabo, bazimisela ukulithulisa izwi lakhe ngokumbulala.IL 237.2

    Bambambha ke uStefano bamzisa phambhi kwentlanganiso yamatyala bammangalela phambhi kwayo. AmaJuda afundileyo avela kumazwe akufuphi abizelwa ukuba aze kuphikisa iingxoxo zommangalelwa. USaule owaye zibalule ukuba ungumchasi oshushu weemfundiso zikaKristu, nomtshutshisi wabo bonke ababekholelwa kuye, naye wayekho. Lendoda ifundileyo yakhokela ekumchaseni uStefano. Wave- lisa ubunzulu bobuciko nobuchule boo-rabi (abafundisi) phezu kwalomcimbhi, ukwanelisa abantu ukuba uStefano ushumayela iimfundiso ezibubuxoki neziyingozi.IL 237.3

    Kodwa uSaule wafumana kuStefano umntu ofundileyo ngokuphakamileyo ngokufana naye, nowaye nengqiqo ezeleyo yenjongo kaThixo ekusasazweni kweendaba ezilungileyo kwezinye iintlanga. Wayekholelwa kuThixo kaAbraham, kalsake, kaYakobi, emilile ngokupheleleyo kumaiungelo anikelwe amaJuda; kodwa ukholo lwakhe lwaluphangalele, esazi ukuba ilixa lifikile lokuba amakholwa enene anganquli kuphela ezitempileni ezenziwe ngezandla; kodwa, kulo lonke elimiweyo, abantu babe nokumnqula uThixo ngoMoya nangenyaniso. Isigqubuthelo sasishenxile emehlweni kaStefano, waza wacalula waya kufikelela ekupheleni koko kwabhangiswa kukufa kukaKristu.IL 238.1

    Ababingeleli nabaphathi ababanga nakubeka nto inokumelana nobulumko bakhe obucacileyo, noxa babezimisele ekumchaseni kwabo. Bazimisela ukwenza umzekelo ngoStefano baza, logama besanelisa impindezelo yentiyo yabo, bathintele abanye ngokuboyikisa, ukuba bangayamkeli inkolo yakhe. Watyholwa ngeyona ndlela yobumenemene. Kwathengwa amanqhina abuxoki ukuba anqhine esithi amve ethetha amazwi okunyelisa itempile nomthetho. Athi, “Kuba simve esithi, uYesu waseNazarete lo uya kuyichita lendawo, awenze wambhi amasiko awawanikela kuthi uMoses.”IL 238.2

    Xa uStefano wayemi phambhi kwabagwebi bakhe, ukuba azithethelele kwityala lokunyelisa, ukukhanya okungcwele kwabengezela ebusweni bakhe. “Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.” Abaninzi ababubonayo ubuso obubengezelayo bukaStefano bathuthumela babugquma ubuso babo, kodwa iinkani zokungakholwa nekhwele azizange ziphele.IL 238.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents