Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umbono kaKristu

    Lo mbono waba ngowokuphithizela okukhulu. Amaqabane kaSaule abethwa lunkwantyo, aphantsa ukutyhaphaka ngamandla oku kukhanya. Aaliva izwi, kodwa awabona mntu, kwaza konke kuwo kwayinto nje engaqondakaliyo nefihlakeleyo. Kodwa uSaule owayelele tywa phezu komhlaba, wawaqonda amazwi aathethwayo, wambona ngokucacileyo phambhi kwakhe uNyana kaThixo. Ukukhangela okunye nje kwesosiQu sinobuqaqauli kwawubhala umfanekiso waso ngonaphakade emphefumlweni walomJuda uhlabekileyo. Amazwi amhlabanisela entliziyweni ngamandla oyikekayo. Umsinga wokukhanya wathululelwa kumagumbhi enziwe mnyama engqondo yakhe kwatyhila ubudenge nokulahleka kwakhe. Wabona ukuba, nangona waye zicingela ukuba umkhonza ngozondelelo uThixo ngokutshutshisa abalandeli bakaKristu, enyanisweni wayesenza umsebenzi kaSatana.IL 243.2

    Wabubona ubudenge bakhe bokuluxhoma ukholo Iwakhe phezu kweziqinisekiso zababingeleli nabaphathi ababizo lwabo lungcwele lwabanika impembhelelo enkulu phezu kwengqondo yakhe bambangela ukuba akholwe ukuba ibali lovuko liyinto nje eyilwe ngobuqhinga ngabafundi bakaYesu. Ngoku ke akuba uKristu etyhiliwe kuSaule, intshumayelo kaStefano yabuyiselwa ngamandla engqondweni yakhe. Lawo mazwi ababingeleli babethe ngawonyeliso, abonakala ngoku kuye eyinyaniso eyinene. Ngeloxesha loko kukhanya kungummangaliso ingqondo yakhe yasebenza ngokukhauleza okuncamisileyo. Walanda ebalini leziprofeto wabona ukuba ukucekiswa kukaYesu ngamaJuda, ukubethelelwa kwakhe emnqamlezweni, ukuvuka kwakhe, nokunyukela kwakhe ezulwini kwa kuxeliwe konke oku ngenxa engaphambhili ngabaprofeti, kwamnqhina ukuba unguMesiya, odingiweyo. Wawakhumbhula amazwi kaStefano, athi: “Ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana womntu emi ngasekunene kukaThixo,” (IZenzo 7: 56), waza waqonda ukuba lengcwele ekufeni kwayo yabondela ubukumkani bozuko.IL 243.3

    Kwaba yintyilelo enjani konke oku kumtshutshisi wamakholwa. Ukukhanya okucacileyo kodwa okoyikekayo kwathi tha emphefumlweni wakhe. UKristu watyhilwa kuye engoweeza kulomhlaba eze kufeza umsebenzi wakhe, wacekiswa, wadelwa, wagwetywa waza wabethelelwa emnqamlezweni ngaabo wayeze kusindisa bona, nokuba wavuka kwabafileyo wenyukela emazulwini. Ngalomzuzu woyikekayo wakhumbhula ukuba uStefano ongcwele weenziwa idini ngemvume yakhe, nokuba ngenxa yokusebenza kwakhe abaninzi abangcwele abafanelekileyo babulewe ngentshutshiso ekhohlakeleyo.IL 244.1

    “Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, vuka uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza.” Akukho ntandabuzo yangenayo engqondweni kuSaule ekubeni nguye ngenkqu uYesu waseNazarete lo wayethetha naye, nokuba ngenene waye ngulooMesiya kwa kukudala elindelwe, umThuthuzeli nomKhululi kaSirayeli.IL 244.2

    Bakuba ubuqaqauli obubengezelayo busilhelisiwe, noSaule waphakama emhlabeni, wazifumana ehluthiwe mpela ukubona kwakhe. Ukubengezela kobuqaqauli bukaKristu kwa kungaphaya kokubona kwame- hlo akhe anokufa, kwaza bakuba busithelisiwe, ubumnyama bobusuku bathi zinzi phezu kokubona kwakhe. Wakholwa ukuba ubumfama bakhe busisohlwayo sikaThixo ngenxa yokutshutshisa kwakhe okukhohlakeleyo abalandeli bakaYesu. Waphumputha ebumnyameni oboyikekayo ngokungathethekiyo, aza amaqabane akhe, esoyika eqhiphuke umbilini, amrola ngesandla amngenisa eDamasko.IL 244.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents