Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukulungiselelwa Inkonzo

    Ubomi bukaPaulos babusengozini, waza wafumana umyalelo ovela eNkosini wokuba emke eDamasko okwethutyana. Waya ke kwelaseArabi ; waza apho, eyedwa, waba nethuba elaneleyo lokudlelana noThixo nelokucamngca. Waye langazelela ukuba yedwa noThixo, ayigoca-goce intliziyo yakhe, ayendelise inguquko yakhe, azilungiselele ngomthandazo nangoqwalaselo ukusebenza umsebenzi owakhangeleka kuye umkhulu kakhulu ubalulekile kananjalo ukuba awuthabathe. Waye ngumpostile, enganyulwanga ngabantu, kodwa enyulwe nguThixo, nomsebenzi wakhe wawuxeliwe ngokucacileyo ukuba uyakuba phakathi kweenTlanga.IL 248.1

    Xa waye kwelaseArabi akazange abhalelane nabapostile; wamfuna uThixo ngokunyameka ngayo yonke intliziyo yakhe, ezimisele ukungaphumli engadanga azi ngokuqinisekileyo ukuba inguquko yakhe yamkelwe nesoono sakhe esikhulu sixolelwe waye ngaz’ ukuwuyeka umzamo engadanga afumane ingqinisekiso yokuba uYesu uya kuba naye elulungiselelweni lwakhe oluzayo. Wayeza kusoloko wazithwala ngomzimbha wakhe iimpau zobuqaqauli bukaKristu, emehlweni akhe awaye phanyaziwe kukukhanya kwasezulwini, walangazelela kananjalo ukuthwala kuye futhi ingqinisekiso yobabalo oluxhasayo lukaKristu. UPaulos wafikelela ebudlelaneni obusondeleleneyo nezulu, noYesu wadlelana naye, wammilisela elukholweni lwakhe, emnika ubulumko bakhe nobabalo lwakhe.IL 248.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents