Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuhlangana noPetros noYakobi

    UBarnabas, owayenikele ngesisa ngemali yakhe ukuxhasa umsebenzi kaKristu nokunceda iintswelo zamahlwempu, wayesazana noPaulos ngokuya wayechasa amakholwa. Weza ke ngoku wavuselela ololwazano, wabuva ubunqhina bukaPaulos ngokusingisele enguqukweni yakhe engummangaliso namava akhe ukususela kwelo xesha. Wakholwa ngenene wamamkela uPaulos, wambambha ngesandla wamkhokelela ebusweni babapostile. Wabalisa ke amava akhe awaye sandula ukuweva — okuba uYesu ubonakele ngesiqu kuPaulos xa waye sendleleni yokuya eDamasko; nokuba wathetha naye; nokuba uPaulos wabuyiselwa ukubona kwakhe ukuphendula imithandazo kaHananiya, waza emva koko wavakalisa ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo ezindlwini zesikhungu kweso sixeko.IL 250.2

    Abapostile ababanga sathingaza; babengenako ukumelana noThixo. UPetros noYakobi, ekuphela kwabapostile ababe seJerusalem ngeloxesha, banikela isandla sokunene sobudlelane kulowo wayefudula engumtshutshisi owoyikekayo wenkolo yabo; waza ngoku wathandwa waxatyiswa kakhulu njengokuba ngaphambhili wayesoyikwa ecezelwa. Ahlangana apha ke amdoda amabini adumileyo alenkolo intsha — uPetros, omnye wamakholwane kaKristu ngethuba awayelapha emhlabeni, noPaulos, umFarisi, owathi, emva kokunyukela kukaYesu ezulwini, wabonana naye ubuso ngobuso wathetha naye, wambona kananjalo embonweni, kwa nohlobo lomsebenzi wakhe ezulwini.IL 250.3

    Intlangano yokuqala yabaluleka kakhulu kuye ngamnye kwaba bapostile babini, kodwa yaba yeyethuba elifutshane, kuba uPaulos waye langazelela ukuya kwenza umsebenzi weNkosi yakhe. Kamsinya elozwi laliviwe liphikisana ngokunyameka noStefano laviwa kwakhona kwa kuloo ndlu yesikhungu livakalisa ngokungoyikiyo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo — livakalisa kwa olokholo uStefano awafela ukuqinisa Iona. Wabalisa ngamava akhe angummangaliso, waza enentliziyo ezaliswe lulangazelelo ngenxa yabazalwana bakhe namakholwane akhe angaphambhili, wabunika ubunqhina ethabatha eziprofetweni, njengokuba uStefano wayenzile, bokuba uYesu, owabethelelwayo emnqamlezweni, unguye uNyana kaThixo.IL 251.1

    Kodwa uPaulos waye wuthelekelele ngokuphosakeleyo umoya wabazalwana bakhe abangamaJuda. Kwa lowo msindo ababanawo kuStefano bawuthululela kuye. Wabona ke ukuba makashenxe kubazalwana bakhe, intliziyo yakhe yazaliswa lusizi. Wayengabuncamayo ngenkululeko ubomi bakhe ukuba ngenxa yoko babengaziswa ekuyazini inyaniso. AmaJuda aqala ukwenza amayelenqe okumbulala, baza abafundi bamcenga ukuba emke eJerusalem; kodwa wazilazila, engavumi ukumka, elangazelela ukukhe asebenzele okwethutyana abazalwana bakhe abangamaJuda. Wayethabathe inxaxheba engaka kubufela-nkolo bukaStefano ngangokuba afune ngoku ukulihlambha elobala ngokuyigwebela ngesibindi inyaniso eyamdla uStefano ubomi bakhe. Kwa khangeleka ngathi bubugwala kuye ukusaba eJerusalem.IL 251.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents