Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 39—Ulungiselelo LukaPetros

    UPETROS, ekuqhubeni kwakhe umsebenzi wakhe, watyelela abangcwele eLida. Khona apho waphilisa uEneya, owayelele iminyaka esibhozo elukhukweni lakhe enedumbhe. “Wathi uPetros kuye, Eneya, uya kuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwa oko. Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.”IL 252.2

    IYopa yayikufuphi eLida, kwaye ngeloxesha uTabita ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas — wayelele efile. Waye ngumfundi ofanelekileyo kaYesu Kristu, nobomi bakhe buzaliswe yimisebenzi yesisa nobubele kumahlwempu nabalusizi, nangozondelelo emsebenzini wenyaniso. Ukufa kwakhe kwa kuyilahleko enkulu; ibandla elincinane lalinge nakuhlala kakuhle ngaphandle kwemizamo yakhe emihle. Akuba amakholwa evile ngokuphilisa okungummangaliso okweenziwa nguPetros eLida, amlangazelela kakhulu ukuba eze eYopa. Kwathunywa abathunywa kuye ukuba bamcele aze kubo. “Wesuka ke uPetros wahambha nabo. Efikile, bamsa egumbhini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila bembonisa ukuba zininzi kwazo iingubo zangaphantsi nezokwaleka, abezenza uDorkas oko ebenabo.” UPetros waziyalela izihlobo ezililayo nezilusizi ukuba ziphume egumbhini apho. Waguqa ke ngamadolo, wathandaza ngobushushu kuThixo ukuba abubuyisele ubomi nempilo emzimbheni kaDorkas ofileyo; “waza eguqukele esidumbhini wathi, Tabita, vuka. Wawavula amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala. Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa ; wababiza abangcwele nabahlolokazi, wammisa phambhi kwabo ephilile.” Lomsebenzi mkhulu wokuvusa abafileyo babuyele ebomini waba yindlela yokuguqulela abantu abaninzi eYopa ekukholweni kuYesu.IL 253.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents