Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 40—UPetros Ehlangulwa Entolongweni

    U-HERODE waye ngumngeni ngegama kwinkolo yamaJuda, ebonakala enozondelelo olukhulu ekuzixhaseni izithethe ezisemthethweni. Ulaulo lwelaseJudeya lwa lusezandleni zakhe, phantsi koKlaudiyo, ukumkani weRoma; wayebambhe kwa newonga lokuba ngumphathi welaseGalili. U-Herode wayefuna ukuzithandekisa kumaJuda, ethembhe ngokwenza oko ukuqinisa izihlalo zakhe namawonga akhe. Wahambhisela phambhili ngako oko ukuphumeza iminqweno yamaJuda ngokutshutshisa ibandla likaKristu. Wawuqalisa umsebenzi wakhe ngokonakalisa izindlu nempahla yamakholwa; walandelisa ke ngokufaka entolongweni aabo baziinkokeli. Wambambha uYakobi wamfaka entolongweni, wathumela khona apho umxhomi ukuba ambulale ngekrele kanye njengoko omnye uHerode wayebange ukuba umprofeti uJohane anqunyulwe intloko . Emva koku waba nesibindi ngakumbhi, ngokubona ukuba amaJuda ayakholiswa zizenzo zakhe, wabambha uPetros wamfaka entolongweni. Ezinkohlakalo zenziwa ngethuba elingcwele lePasika.IL 262.1

    Abantu basithakazelela isenzo sikaHerode sokubanga ukuba uYakobi abulawe, nakuba abanye babo bayikhalazela indlela yokubulawa kwakhe ngasese, besithi ukubulawa esidlangalaleni bekuya kwenza ukuba athibeke ngokupheleleyo onke amakholwa nabavelani. U-Herode ngako oko wamvalela uPetros ngenjongo yokwanelisa amaJuda ngokumbulalela esidlangalaleni. Kodwa wacetyiswa umphathi ukuba akuyi kuba kuhle ukumzisa ekubulaweni lompostile mdala phambhi kwabantu bonke ababehlanganisene eJerusalem beze ePasikeni. Koyikelwa ukuba ukubonakala kwalendoda ibekekileyo kungaphembhelela inceba nentlonelo yabo; koyikelwa kananjalo ukuba angasuka enze esinye sezo zibheno zakhe zinamandla ezabavuselelayo futhi abantu ukuba baphengulule ubomi nesimilo sikaYesu Kristu, nababengenako mpela bona, ngawo onke amaqhinga abo, ukusiphikisa. Ngenxa yoku ke, amaJuda axhalela ukuba abantu baya kucela ukukhululwa kwakhe ngukumkani.IL 262.2

    Logama ukubulawa kukaPetros kwa kusaroxisiwe, ngezizathu ngezizathu, kude kube semva kwePasika, ibandla likaKristu laba nethuba lokugoca-goca nzulu iintliziyo nelokuthandaza ngenyameko. Izincwino ezinamandla, iinyembhezi, nokuzila ukudla, zaxutywa zonke ezi zinto. Bathandaza abayeka ngenxa kaPetros; kuba beva engenakuncanywa emsebenzini wobuKristu; beziva kwakhona befikelele endaweni apho, ngaphandle koncedo lukaThixo, ibandla likaKristu laliza kucinywa.IL 263.1

    Umhla wokubulawa kukaPetros wamiswa ekugqibeleni; kodwa noko imithandazo yamakholwa yenyukela ezulwini. Kwathi xa onke amandla abo novelwano lwabo lwaluvakaliswa ngezincwino ezishushu, izithunywa zikaThixo zabe zimgcinile umpostile ovalelwe entolongweni. Ukuphelelwa komntu ngamandla kulithuba likaThixo. UPetros wayelaliswe phakathi kwamasoldathi amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini, umxokelelwano ngamnye unxityelelwe esihlahleni somnye wabagcini bakhe. Iingcango zentolongo zazivalwe ngokuthe nkqi, kwamiswa abalindi abomeleleyo phambhi kwazo. Zonke iindlela zokuhlangulwa okanye zokuzimela, ngokwabantu, zazivaliwe ngalendlela.IL 263.2

    Umpostile akazange oyikiswe yilemeko akuyo. Ukususela ekubuyiselweni kwakhe endaweni yakhe emva kokumkhanyela kwakhe uKristu, wamelana ngokungathandabuzi nengozi wabonakalalisa isibindi nokukhalipha okubukekayo ekumshumayeleni umSindisi obethelelweyo, wavuka, wenyukela emazulwini. Wakholwa ukuba ixesha lifikile ngoku lokuba abunikele ubomi bakhe ngenxa kaKristu.IL 263.3

    Ubusuku obungaphambhi kobo wayemiselwe ukubulawa ngabo, uPetros ekhonkxiwe ngemixokelelwane, wayelele phakathi kwamasoldathi amabini, ngokwesiqhelo. U-Herode, ekhumbhula ukusaba kukaPetros noJohane entolongweni, apho babevalelwe khona ngenxa yenkolo yabo, wenza amalungiselelo aphindiweyo ngesi sihlandlo. Amasoldathi alindileyo, ukuze abe nokulinda ngenyameko engaphezulu, axelelwa ukuba ubomi babo buxhomekeke ekugcinakaleni kombanjwa. Wayekhonkxiwe, njengokuba sekucha- ziwe, egumbhini lamatye amakhulu, iingcango zalo zavalwa zaqiniswa. Kwamiswa amadoda alishumi elinesithandathu ukuba alinde intolongo yakhe, ephumzana ngamathuba alinganayo. Babeba bane abalindi ngexesha. Kodwa imivalo neentsimbhi nabalindi bamaRoma, abaluthintelayo ngokupheleleyo kumbanjwa lonke uncedo lomntu, konke oku kwaba yindlela yokulenza uloyiso lukaThixo luphelele ngokungaphezulu lokumhlangula uPetros entolongweni. U-Herode wayephakamisele isandla sakhe ekuchaseni uSomandla, eza kuthotywa ke ngokupheleleyo oyiswe emzameni wakhe phezu kobomi bomkhonzi kaThixo.IL 263.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents