Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 41—Kwimimandla Ekude

    ABAPOSTILE nabafundi abayishiyayo iJerusalem ngethuba lentshutshiso enamandla eyaqhubeka kabukhali emva kokubulawa kukaStefano, bamshumayela uKristu ezixekweni ezijikelezileyo, basebenzela amaJuda esiHebere nawesiGrike kuphela. “Saye ke isandla seNkosi sinawo, kananjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.” IZenzo 11: 21.IL 270.3

    Akuba amakholwa aseJerusalem ezivile ezindaba zilungileyo avuya; waza uBarnabas, “indoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo,” wathunyelwa kwaAntiyoke, ikomkhulu laseSiriya, ukuba aye kunceda ibandla apho. Wasebenza khona apho waba nempumelelo enkulu. Uthe wakwanda umsebenzi, wacela wafumana uncedo lukaPaulos; baza ababafundi babini basebenza kulomzi isithuba sonyaka, befundisa abantu besongeza emananini ebandla likaKristu.IL 271.1

    Kwa Antiyokwe kwa kukho inani elikhulu labemi abangamaJuda kwa nelabeenTlanga; yayi yindawo ebalulekileyo yokuphumla yabathandi bokuphumla neziyolo, ngenxa yokuma kwayo ngasempilweni, nembhonakalo ebukekayo, nobutyebi nempucuko, nokuchubeka okwakuqukwe khona apho. Amashishini ayo amakhulu ayenza yaba yindawo ebaluleke kakhulu, apho abantu beentlanga zonke babe nokufunyanwa khona. Ngenxa yoku yayisisixeko sobuncwane nenkohlakalo. Impindezelo kaThixo ekugqibeleni yayifikela iAntiyokwe, ngenxa yenkohlakalo yabemi bakhona.IL 271.2

    Kulapha ke apho abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu. Eligama balinikwa ngenxa yokuba uKristu waye ngowona mongo wentshumayelo, nemfundiso nencoko yabo. Babesoloko bebalisa iziganeko zobomi bakhe ngexesha abafundi babesikelelwe ngokuhambha naye ngesiqu. Bathetha ngokungadinwayo ngeemfundiso zakhe, nemimangaliso yakhe yokuphilisa abafayo, nokukhupha iidemon, nokuvusela ebomini abafileyo. Ngemilebe engcangcazelayo namehlo anenyembhezi bathetha ngeentlungu zakhe emyezweni, nokungcatshwa kwakhe, nokumiswa kwakhe ematyaleni, nokubulawa, ukunyamezela nokululama aluthwala ngalo ucukucezo nokuthuthunjiswa awathuthunjiswa ngako zintshaba zakhe, nemfesane yobuThixo aabathandazela ngayo aabo babemtshutshisa. Ukuvuka kwakhe kwabafileyo nokunyukela kwakhe emazulwini nomsebenzi wakhe ezulwini wokuba ngumLamleli woluntu oluwileyo, ezi zaziyimicimbhi emna- ndi kubo. Abahedeni batyapha ukubabiza ukuba ngamaKristu, kuba babeshumayela uKristu nemithandazo yabo beyisa kuThixo ngaye. U-Paulos wafumana, kulomzi ubantu baninzi wakwaAntiyokwe, indawo elungileyo yokusebenza, apho imfundo yakhe enkulu, nobulumko, nozondelelo, zaba yimpembhelelo enamandla phezu kwabemi nabahambha futhi kwesisixeko senkcubeko.IL 271.3

    Okwakaloku umsebenzi wabapostile wawuqhutywa eJerusalem, apho amaJuda athetha iilwimi zonke nawamazwe onke ebesiza kunqula khona etempileni ngamaxesha ezidlo ezimiselweyo. Ngamaxesha anjengalawo ke abapostile bamshumayela uKristu ngesibindi esingenaloyiko, nakuba babesazi ukuba ngokwenza oko ubomi babo babusoloko busengozini. Kwafumaneka babaninzi, abaguqukela kulenkolo, baza aaba, bebuyela emakhayeni abo kwiindawo ngendawo zelizwe, bayihlwayela imbhewu yenyaniso kuzo zonke iintlanga nakuzo zonke iindidi zabantu.IL 272.1

    U-Petros, noYakobi, noJohane babeqinisekile ukuba uThixo ubanyulele ukuba bamshumayele uKristu kubantu bakowabo ekhaya. Kodwa uPaulos waye wufumene umyalelo kuThixo, xa wayethandaza etempileni, yaza intsimi yakhe ebanzi yokuvangela yanekwa phambhi kwakhe ngokucace ngokungummangaliso. Ukumlungiselela lomsebenzi wakhe ubanzi nobalulekileyo, uThixo wamsondeza kufuphi kuye, waza watyhila embonweni wakhe ogcobisayo ufifana lobuhle nobuqaqauli bezulu.IL 272.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents