Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    INkomfa Jikelele Yokuqala

    Abathile kumaJuda elakwaJuda bavusa isidubedube esikhulu phakathi kwabeenTlanga ngokuphikisana ngomcimbhi wolwaluko. Baqinisisa, ngokuqiniseka okukhulu, ukuba akukho namnye onokusindiswa engalukanga awugcine wonke umthetho wezithethe.IL 274.1

    Lo wawungumcimbhi obalulekileyo, nowawulichukumise kakhulu ibandla. U-Paulos noBarnabas bawuhlangabeza ngokubukhali, bakuchasa ukungeniswa kwalomcimbhi kwabeenTlanga. Bachaswa ke koku ngamaJuda akwaAntiyokwe awaye hambha noluvo lwalawo elakwaJuda. Lomcimbhi wazala ingxoxo enkulu nokusweleka kwemvisiswano ebandleni, kwada ekugqibeleni ibandla lakwaAntiyokwe, ngokubona ukuba kuza kubakho uqhekeko phakathi kwalo ukuba liphikele ukuwuxoxa lomcimbhi, lagqiba ukuba lithumele uPaulos noBarnabas, kunye namanye amadoda amakhulu akwaAntiyokwe, eJerusalem, bawubeke lomcimbhi phambhi kwabapostile namadoda amakhulu. Apho ke babeza kuhlangana nabathunywa abavela kumabandla ngamabandla, kwa kunye naabo babeze kwiintlanganiso zonyaka ezazikufuphi. Okwakaloku yonke impikiswano yayiza kukha inqumame, kude kwenziwe isigqibo sokugqibela ngamadoda amakhulu ebandla. Esi sigqibo sasiza kwamkelwa kulo lonke elimiweyo ngamabandla ngamabandla aselizweni.IL 274.2

    Ekufikeni kwabo eJerusalem abathunywa abavela kwaAntiyokwe babalisa phambhi kwengqungquthela yamabandla ngempumelelo eyalandela ulungiselelo lwabo, nempikiswano eyabakho eyadalwa yinto yokuba abathile abaguqukileyo kubaFarisi bathi amakholwa abeenTlanga ma waluke agcine umthetho kaMoses ukuze asindiswe.IL 274.3

    AmaJuda aye ziqhayise ngeenkonzo zawo ezimiselwe nguThixo ; aza agqiba ukuba njengokuba uThixo wayekhe wayimisela indlela yonqulo lwamaHebere, kwa kungenakwenzeka ukuba enze inguqulelo nakomnye wemigaqo yayo. Agqiba ukuba ubuKristu bumelwe kukuzimanya nemithetho nezithethe zobuJuda. Ayengekakwazi ngokupheleleyo ukucalula oko kubhangisiweyo kukufa kukaKristu, aqonde ukuba yonke iminikelo yamadini yayingumfuziselo nje wokufa koNyana kaThixo, ekwadibana kuko isithunzi nesiqu, oku ke kuphelisa ixabiso leenkonzo, namadini amiselweyo onqulo lwesiJuda.IL 275.1

    U-Paulos waye ziqhayise kakhulu ngokuyigcina kwakhe ngqongqo imimiselo yobuFarisi; kodwa emva kwentyilelo kaKristu kuye endleleni esinga eDamasko umsebenzi womSindisi nomsebenzi wakhe kwabeenTlanga wawucacile engqondweni yakhe, wawuqonda ngokupheleleyo umahluko phakathi kokholo oluphilileyo nokuzenzisa nje okufileyo. U-Paulos wayesabanga ukuba ungomnye wabantwana bakaAbraham, eyigcina imiThetho eliShumi njengoko injalo nangokomoya ngokunyaniseke njengokuba wayenjalo ngaphambhi kokuba aguqukele ebuKristwini. Kodwa wayesazi ukuba iinkonzo ezaziyimifuziselo zimelwe kukupheliswa mpela, njengokuba konke ezazisalatha kuko kwa kuzalisekile, nokukhanya kweendaba ezilungileyo kwakubuthe tyaba ubuqaqauli bazo phezu konqulo lwesiJuda, kunika intsingiselo entsha kwizithethe zalo ezidala.IL 275.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents