Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U-Paulos Ebalisa Ngamava Akhe

    Ebhalela kwabaseFilipi, uchaza amava akhe angaphambhi kokuguquka kwakhe nawasemva kwako. “Ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama,” utsho, “be ndingaba ngakumbhi mna: ndaluk’ayo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBenjamin, umHebere wamaHebere, ngokomthetho ndingumFarisi, ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.” Filipi 3: 4-6.IL 279.2

    Emva kokuguquka kwakhe ubunqhina bakhe buthi:IL 279.3

    “Ewe, okunene, ndisuke izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndoonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthe-thweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo.” Filipi 3: 8, 9.IL 279.4

    Ubulungisa awayefudula ebucingela ukuba buxabiseke kangaka babungenaxabiso ngoku emehlweni akhe. Umnqweno womphefumlo wakhe wawungulo: “Ukuba ndimazi, kwa namandla ovuko lwakhe, no- kuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe nokokufa kwakhe ; ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo. Kungekuko ukuthi se ndamkele, nokuthi se ndigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakug’anga no nokukug’anga oko, ndathi mna ndagangelwa kona nguye uKristu Yesu. Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndig’angile; ke ndenza nto nye; ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambhili, ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” Filipi 3: 10-14.IL 279.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents