Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubunqhina Bokugqibela bukaPaulos

    U-Paulos wakhokelwa ngokufihlakeleyo wasiwa endaweni yokubulala. Abatshutshisi bakhe, ekubeni bothuswe bububanzi bempembhelelo yakhe, boyikela ukuba abaguquki bangazuzelwa ebuKristwini nangombono wokufa kwakhe. Ngenxa yoko babambalwa ababoneli abavunyelwa ukuba babe kho. Kodwa amasoldathi alukhuni awayenyulelwe ukuba amgcine awa- phula-phula amazwi akhe, aza ngokukhwankqiswa ambona echwayitile evuyiswa nakukulindela ukufa okunje. Umoya wakhe wokubaxolela ababulali bakhe nokukholosa kwakhe okungashukumiyo ngakuKristu kwada kwasekugqibeleni kwaba livumbha elisingisa ebomini kwaabo babe kubonela ukufela kwakhe inkolo. Kungabanga kudala akabanga mnye owamamkelayo uKristu owashunyayelwa nguPaulos, balutywina ngokungoyiki ukholo lwabo ngegazi labo.IL 284.2

    Ubomi bukaPaulos, kwada kwaba kanye kwiyure yokugqibela, banqhina ngobunyaniso bamazwi akhe akwincwadi yesibini kwabaseKorinte: “Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso ma lukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqauli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu. Kekaloku obubutyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi. Siya bandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki ; siya thingaza, singancami ; sitshutshiswa, asiyekelwa ; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa ; sihlala sikuthwele ngomzimbha ukufa kweNkosi uYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliswe emzimbheni wethu.” 2 Korinte 4: 6-10. Wayengazithembhanga ngokwakhe kodwa ethembhe ubukho nokusebenza koMoya kaThixo owawuzalise umphefumlo wakhe wazisa iingcamango zonke phantsi kwentando kaKristu. Inyaniso yokuba obakhe ubomi babonakalalisa inyaniso ayivakalisayo yanika amandla anelisayo ekushumayeleni kwakhe nasekuziphatheni kwa-khe. Uthi umprofeti, “Intliziyo ezimasekileyo uya yilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.” Isaya 26: 3. Yabe iloluxolo luvela ezulwini, lubonakaliswe ebusweni, olwazuzela imiphefumlo emininzi egospileni.IL 285.1

    Umpostile waye khangele kwikamva elikhulu, engathandabuzi okanye engoyiki, kodwa ekhangele ngethembha elizaliswe luvuyo nangokulinda kolangazelelo. Xa wayemi kulondawo yokufela inkolo akabonanga ikrele elibengezelayo lombulali okanye umhlaba oluhlaza owawuza kukhongozela igazi lakhe; wakhangela ngaphaya kwesibhaka-bhaka esizolileyo esiluhlaza semini yasehlotyeni kwitrone yOngunaphakade. Intetho yakhe yayisithi, Owu Yehova, nguwe ihlathi lam ne sabelo sam. Ndiya kukuwola nini na? Ndiya kukubona nini na ngokwam kungekho mkhusane phakathi kwethu?IL 285.2

    U-Paulos wayethwele kuye ngalo lonke ixesha lobomi bakhe emhlabeni impepho kanye yasezulwini. Bonke ababesazana naye bayiva impembhelelo yakhe yokuba nobudlelane noKristu nobudlelane neezithunywa zezulu. Alele apha ke amandla enyaniso. Impembhelelo yobomi obungcwele engafundelwanga engaziwayo yeyona ntshumayelo yanelisayo enganikwayo ngakwicala lobuKristu. Ingxoxo, naxa ingenakuphendulwa, ingavusa inkcaso kuphela; kodwa umzekelo wentlonelo-Thixo unamandla angenakuchaswa kuphele.IL 286.1

    Nakuba umpostile wayelahlekiwe kukubandezeleka kwakhe okwa kukufuphi, waba nexhala elikhulu ngenxa yabafundi awayeza kubashiya ukuba bamelane nenkcaso, nentiyo, nentshutshiso. Wazama ukuwomeleza amaKristu ambalwa amphelekayo ukuya kwindawo yokubulala, ngokuphinda amadinga amakhulukazi anikwe aabo batshutshiswayo ngenxa yobulungisa. Wawaqinisekisa ukuba akukho nanye into engayi kuphumelela kuko konke iNkosi ekuthethileyo ngokusingisele kwabayo abalingwayo nabathembhekileyo. Baya kusuka beme bakhanye; ngenxa yokuba ukukhanya kukaYehova kuya kuthi chapha phezu kwabo. Baya kwambhatha iingubo zabo ezintle bakuba ubuqaqauli bukaYehova butyhiliwe. Okomzuzwana bangaba sebunzimeni ngenxa yezihendo ezininzi, bangakuswela ukonwaba kwasemhlabeni ; kodwa ma bazomeleze iintliziyo zabo ngokuthi, Ndiyamazi endikholiweyo nguye. Unako ukuyigcina into endimphathisileyo. Isohlwayo sakhe siya kuba nesiphelo, ifike intsasa emnandi yoxolo nemini entle kwaphela.IL 286.2

    ImBhangi yosindiso lwethu imlungiselele umkhonzi wayo idabi elikhulu lokugqibela. Ekhululwe ngokuhlaulelwa ngedini likaKristu, ehlanjiwe esoonweni ngegazi lakhe, wambhathiswa ngobulungisa bakhe, uPaulos unabo ngaphakathi kwakhe ubunqhina bokuba umphefumlo wakhe uxabisekile ebusweni bomKhululi wakhe. Ubomi bakhe bufihliwe kunye no- Kristu kuye uThixo, waza weyiseka ekubeni Lowo wakoyisayo ukufa unako ukuyigcina into amphathise yona. Ingqondo yakhe ibambhelela kwidinga lomSindisi elithi, “Ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.” Johane 6: 40. Iingcamango namathembha akhe ajonge ekuzeni kwesibini kweNkosi yakhe. Kuthi ke xa ikrele lombulali libethayo namathunzi okufa ehlanganisana phezu komphefumlo wafela-nkolo, ingcamango yakhe yokugqibela ithi qatha, njengokuba iya kuba njalo ngalomvuko inkulu, eyokuhlangabeza umNiki-bomi oya kumamkelela eluyolweni lwabasikelelweyo.IL 286.3

    Se kumalunga namawaka amabini eminyaka ukususela oko uPaulos omdala waliphalazayo igazi lakhe labubunqhina beliZwi likaThixo nobunqhina bukaKristu. Akukho sandla sithembhekileyo sabhalela izizukulwana ezizayo iziganeko zokugqibela zobomi balendoda ingcwele; kodwa impefumlelo isigcinele ubunqhina bokufa kwakhe. Njengokuhlokoma kwesigodlo izwi lakhe lihlokome kuwo onke lamaphakade, esomeleza ngesibindi sakhe amawaka amanqhina kaKristu, evuselela nakumawaka aantliziyo zizaliswe lusizi intlokoma yovuyo lwakhe loloyiso: “Kuba mna se ndithululwa ngokomnikelo ; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Okokugqibela ndibekelwe isitsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.” 2 Timoti 4: 6-8.IL 287.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents