Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuzahlula Kwabathembhekileyo

    Emva kwempikiswano ende nebukhali abambalwa abathembhekileyo bagqiba ukuba bazahlule ngokupheleleyo ekuzimanyeni nelibandla likreqileyo ukuba lisakwaala ukuzikhulula ebuxokini naselunqulweni lwezithixo. Babona ukuba ukuzahlula kuyimfuneko mpela ukuba banga bangahlonela iliZwi likaThixo. Babengacingi ukuzinyamezela ezimposiso ziyingozi emiphefumlweni yabo banike umzekelo oya kuyibeka engozini inkolo yabantwana babo neyabantwana babantwana babo. Ukuze bazuze uxolo nobunye babekulungele ukwenza iimvumelwano ezihambha nokunyaniseka kuThixo; kodwa beva kubo ukuba uxolo luya kuba luthengwe ngexabiso eliphakame ngokugqithileyo ngokuncama inyaniso. Ukuba ubunye babungafunyanwa kuphela ngokuyekelela inyaniso nobulungisa, hayi ke makubekho umahluko, kude kubekho nemfazwe. Kungalilungela kanye ibandla nehlabathi ukuba iinyaniso ezaphembhelela loo miphefumlo izimasekileyo bezingavuselelwayo ezintliziyweni zabantu abazibiza ngoThixo.IL 291.3

    Umpostile uPaulos uthi, “Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” 2 Timoti 3: 12. Ngani na ke, ngoko, ukuba kukhangeleke ngokungathi ngendlela enkulu intshutshiso ilele? Ekuphela kwesizathu sesokuba ibandla lizimilise ngokomgangatho wehlabathi, ngako oko ke alivusi nkcaso. Unqulo lwalemihla yethu alululo olunyulu nolungcwele olufana nenkolo yamaKristu ngemihla kaKristu nabapostile bakhe. Kuphela kungenxa yomoya wokukhaulelana nesoono, nangenxa yokuba iinyaniso ezinkulu zeliZwi likaThixo zingakhathalelwe, nangenxa yokuba intlonelo Thixo exabisekileyo incinane kangaka ebandleni, imbangi yokuba ubuKristu bukhangeleke ngokungathi buyathandeka ehlabathini. Ma kube kho uvuselelo lwenkolo namandla ebandla lokuqala, waye umoya wentshutshiso uya kuvuseleleka nemililo yentshutshiso iphenjwe kwakhona.IL 292.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents