Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 45—Imfihlelo Yokuchasana Nomthetho

    UMPOSTILE uPaulos, kwincwadi yakhe yesibini kwabaseTesalonika, waluxela ngenxa engaphambhili ukreqo olukhulu olwaluza kuzala ukumiswa kwegunya lobu-popi. Wathi ayinakufika yona imini kaKristu, “lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesoono, unyana wotshabalalo ; lowo ucha- sayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelweyo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.” Waza erava koko, umpostile wabayala abazahvana ngokuthi, “imfihlelo yokuchasana nomthetho isel’ isebenza.” 2 Tesalonika 2: 3, 4, 7. Kwa ngaloo mihla yasekuqaleni wabona kunywebelezela ebandleni, ubuxoki obabuza kulungiselela indlela yokukhula kobuPopi.IL 292.2

    Kancinane kancinane, ekuqaleni ngobusela nangokuthe cwaka yaza ke ngokucacileyo ngokuya ikhula ngamandla izilaula neengqondo zabantu, imfihlelo yo-kuchasana nomthetho yawuqhubela phambhili umsebenzi wayo wenkohliso nowonyeliso. Ngokuphantse ukungavakali amasiko obuhedeni afumana indlela yokungena ebandleni lobuKristu. Umoya wokukhaulelana nowokufuna ukufana nabanye wathintelwa okwexeshana zintshutshiso ezoyikekayo elathi ibandla lazinyamezela phantsi kobuhedeni. Kodwa ithe yakuphela intshutshiso, nobuKristu bangena ezinkundleni nasemabhotweni ookumkani, ibandla labubeka bucala ubumsulwa obuthobekileyo bukaKristu nobabapostile bakhe ngenxa yokukhukhumala nekratshi lababingeleli nabalauli bobuhedeni; laza endaweni yezinto ezifunwa nguThixo, lamisela izimvo nezithethe zabantu. Ukuguquka ngegama kukaConstantine ekuqaleni kwamakhulu amane eminyaka A.D. kwabanga uvuyo olukhulu; laza ihlabathi, lambhethe iingubo zobulungisa, langena ebandleni. Ngoku ke umsebenzi wokonakalisa wahambha ngokukhauleza. Ubuhedeni, nakuba babukhangeleka ngokungathi buphelisiwe, kwaba ngumeyisi. Iimfundiso, iinkonzo zezithethe, neenkolo kwiminyanya ezonto zaqukwa enkolweni naselunqulweni lwaabo bazibiza ukuba bangabalandeli bakaKristu.IL 293.1

    Oku khaulelana kobuhedeni nobuKristu kwazala ukukhula komntu wesoono oxelwe ngenxa engaphambhili njengalowo uchasayo noziphakamisa ngaphezu koThixo. Olo lungiselelo lukhulu lonqulo lobuxoki lunguwona msebenzi mkhulu wamandla kaSatana — isiboniso semizamo yakhe yokuzihlalisa phezu kwetrone alilaule ihlabathi ngoko kuthanda kwakhe.IL 293.2

    Ukuze lifumane iinzuzo zomhlaba nembheko, ibandla lakhokelelwa ekufuneni ukuthandwa nokuxhaswa ngamadoda amakhulu omhlaba, laza lathi limcekisile ngalendlela uKristu, latsalelwa ekunikeleni intobelo yalo kummeli kaSatana — umVeleli waseRoma.IL 294.1

    Yenye yeemfundiso eziphambhili zobuRoma ukuba uPopi yintloko ebonakalayo yebandla likaKristu, eyambhathiswe igunya eliphakamileyo phezu kwabo bonke abaveleli nabafundisi abakuzo zonke iindawo zomhlaba. Ngaphezu koku uPopi uzithabathele awona kanye amagama kaThixo.IL 294.2

    U-Satana wayesazi ngokucacileyo ukuba iziBhalo eziNgcwele ziya kubenza abantu ukuba bazibone iinkohliso zakhe bachasane namandla akhe. Kwa kungeliZwi awathi umSindisi wehlabathi waloyisa ngalo uhlaselo lwakhe. Kuhlaselo ngalunye uKristu wasebenzisa ikhaka lenyaniso engunaphakade, esithi, “Kubhaliwe kwathiwa.” Kulo lonke icebiso lotshaba walichasa ngobulumko namandla eliZwi. Ukuze uSatana abe nako ukulugcina ulaulo lwakhe phezu kwabantu alimise igunya likapopi umphangi, umelwe kukuba abagcine bangazazi iziBhalo. I-Baibile yayiza kuphakamisa uThixo ibabeke abantu abanesiphelo kweyona meko yabo; ngenxa yoko ke iinyaniso zayo ezingcwele mazifihlwe zithintelwe. Elicebo ke lasetyenziswa libandla lamaRoma. Amakhulu eminyaka ukusasazwa kweBaibile kwalelwa. Abantu babengavunyelwa ukuba bayifunde, okanye babe nayo ezindlwini zabo, baza ababingeleli nabaveleli abangenabuntu bazichaza iimfundiso zayo ngendlela exhasa okwabo ukuthelekelela. Ngalendlela ke u-popi waphantse ukwamkelwa kulo lonke elimiweyo njengommeli kaThixo emhlabeni, onikwe elona gunya liphakamileyo phezu kwebandla nombuso.IL 294.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents