Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imihla Yomngcipheko

    Loo mihla yayi yimihla yomngcipheko kwibandla likaKristu. Abathwali-banile abathembhekileyo babembalwa ngenene. Nangona inyaniso yayingashiywanga ngaphandle kwamanqhina, kodwa maxa wambhi kwaba ngathi ubuxoki nokukholwa yiminyanya kuza koyisa mpela, nonqulo lwenyaniso lugxothwe emhlabeni. Balahlekwa abantu ziindaba ezilungileyo, kodwa iindlela zonqulo zoongezwa, abantu bathwaliswa ngokubizwa izinto ezinzima.IL 298.2

    Abanelanga nje ukufundiswa ukuba bakhangele ku-popi njengomlamleli wabo kodwa nokuba bathembhele nasemisebenzini yabo njengocamagushelo lwezoono zabo, nokunqula iindaule, ukwaakhiwa kweetyalike, iziganga, nezibingelelo, nokuhlaula iimali ezini- nzi ebandleni — ezi ke kwa nezinye izenzo ezifana nezi zazisenzelwa ukucenga umsindo kaThixo okanye ukuzithandisa kuye; ngokungathi uThixo ufana nabantu, ukufane aqunjiswe lilize, okanye acengwe ngezipho okanye izenzo zokuzohlwaya !IL 298.3

    Ekuqhubeleni phambili kweminyaka kwasoloko kubonakala ukwanda okufuthi kobuxoki ezimfundisweni ezinikwa zivela eRoma. Nangaphambhi kokumiselwa kobuPopi iimfundiso zeentanda-bulumko zasebuhedenini zazithathelwa ingqalelo zaba nempembhelelo ebandleni. Abaninzi ababe zibiza ukuba bangamaKristu babesatshele kwiinkolo ezithile zobulumko babo basebuhedenini, abanela ukuhlala beziqwalasela bona ngokwabo kodwa bazinyanzelisa nakwabanye njengendlela yokungenisa impembhelelo yabo phakathi kwabahedeni. Ngalendlela ubuxoki obuyingozi bangeniswa enkolweni yobuKristu. Obabuphambhili kubo yinkolo yokungafi komntu ngemvelo nokubasengqondweni kwakhe efile. Lemfundiso yamisa isiseko eyathi iRoma yamisa phezu kwaso ukuthandazwa kwabangcwele nokunqulwa kwentombhi uMariya. Kulento kwaphuma inkolo yokuthuthunjiswa okungunaphakade kwaabo bangaguqukanga, inkolo ke leyo eyafakelwa enkolweni yobu-popi.IL 299.1

    Yaza ke indlela yavuleka yokungenisa esinye seziyilo zobuhedeni eyasibiza iRoma ukuba yindawo yentlambhululo, yasisebenzisela ukoyikisa izihlwele ezifane zikholwe nezineenkolo kwiminyanya. Ngalenkolo igwenxa kwaqinisekiswa ubukho bendawo yo-kuthuthunjiswa, apho imiphefumlo engafanelwanga kukufa okungunaphakade inokohlwaywa khona ngenxa yezoono zayo, nalapho banokuthi, bakuba behlanjululwe ekungabini nyulu, bangeniswe ezulwini.IL 299.2

    Kwa kusafuneka obunye ubuxoki ukuze iRoma ifumane inzuzo ngenxa yezoyikiso neziphoso zabalandeli bayo. Oku kwenziwa ngokufakela imfundiso yokuluthenga uxolelo. Ukuxolelwa okupheleleyo kwezoono, ezidluleyo, nezangoku, nezizayo, nokukhululwa kuzo zonke iintlungu nezohlwayo ngenxa yazo, kwa kuthenjiswa kubo bonke ababeza kuzimanya emkhosini kapopi wokwandisa ubukumkani bakhe basemhlabeni, wokohlwaya iintshaba zakhe, nokutshabalalisa bonke aabo babuphikayo ubongameli bakhe basemoyeni. Abantu bafundiswa kanjalo ukuba ngokuhlaula imali ebandleni bangazikhulula esoonweni kwa ngokunjalo bakhulule imiphefumlo yabahlobo babo abavalelwe emalangatyeni athuthumbhisayo. Yayizalisa ngalendlela ke iRoma imikhumbhi yayo yemali yokuxhasa ubunewu-newu, nobuyoko-yoko, nenkohlakalo yabazibiza ukuba bangabameli balowo waye ngenayo nendawo yokubeka intloko yakhe.IL 299.3

    Ummiselo waseziBhalweni eziNgcwele wesidlo seNkosi kwamiswa endaweni yawo umthendeleko wezithixo ekuthiwa yi-mass. Ababingeleli bobupopi beenza ngokungathi ngokushwantshatha kwabo okungavakaliyo, baya siguqula isonka ne-wayini zibe yinkqu mzimbha negazi likaKristu. Kukuziganga kokunyelisa okungakananina oku kokubanga nje ngokuphandle amandla “okudala umDali wabo.” Onke amaKristu ayelindelwe ukuba avume phezu kwesisongelo sokubulawa ukuba ayakholwa koluluvo luyinkohliso loyikekayo olunyelisa izulu. Aabo babesaala babe nikelwa emalangatyeni.IL 300.1

    Imini enkulu yobu-Popi yayi yinzulu yobusuku ngokwasesimilweni sehlabathi. IziBhalo eziNgcwele zaziphantse ukungaziwa, kungekho ebantwini kuphela, kodwa nakubabingeleli. NjengabaFarisi bakudala, iinkokeli zobu-popi zazikuthiyile ukukhanya okwakuza kutyhila izoono zabo. Umthetho kaThixo, umgangatho wobulungisa, wakuba ushenxisiwe, basebenzisa igunya ababi namda, basebenza inkohlakalo bengenasithintelo. Ubumenemene, ukubawa, nenkohlakalo ezonto zazilaula. Abantu babengarwaqeli nakusiphina isoono ababe nokuzuza ubutyebi ngaso okanye iwonga. Amabhotwe oo-popi nawabafundisi aye zindawo zobona bureletyo bungamasikizi. Inxalenye yoo-popi abalaulayo babe namatyala ezoono ezinezothe ngangokuba abalauli belizwe bazamele ukuzihlutha ubukhosi ezizinhanha zebandla njengamaramncwa oyikekayo anezothe ukuba anganyamezelwa ukuba abe ngabalauli. Ithuba lamakhulu eminyaka kwa kungekho nkqubela phambhili emfundweni, emisebenzini yobuchule, okanye impucuko. Ukushwabana kwesimilo nokwengqondo kwa kubuwele ubuKristu.IL 300.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents