Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ikhwezi Lohlaziyo

    Kwikhulu leshumi elinesine eminyakeni kwavela eEngland “ikhwezi loHlaziyo.” U-John Wycliffe waye ngumvakalisi wohlaziyo, kungekhona eEngland kuphela, kodwa kubo bonke ubuKristu. Waye ngumawokhulu wobu-Puritan; ixesha lakhe laliluhlaza entlango.IL 302.1

    INkosi yabona kufanelekile ukuba umsebenzi wo-hlaziyo iwunikele kumntu ongqondo inamandla ukunika isimilo nesidima emsebenzini wakhe. Oku kwalivala ilizwi locukucezo, kwabathintela abachasi benyaniso ekuzameni ukubeka ihlazo kulomsebenzi ngokuhlekisa ngentswelo-kwazi yommeli wawo. Akuba uWycliffe ekuphumelele ukufunda ezikolweni, wangena eluqwalaselweni lweziBhalo eziNgcwele. Kuzo iziBhalo wafumana oko waye kade ekufuna ngaphandle kwempumelelo. Apha walibona icebo losindiso lityhiliwe, noKristu emisiwe njengokuphela komthetheleli womntu. Wabona ukuba iRoma iyishiyile imfundiso yaseBaibileni yathatha izithethe zabantu. Wazinikela emsebenzini kaKristu, wazimisela ukuzivakalisa iinyaniso azifumeneyo.IL 302.2

    Owona msebenzi mkhulu wobomi bakhe waba kukuguqulela iziBhalo kulwimi lwesiNgesi. Le yaba yinguqulelo yokuqala yesiNgesi eyakha yenziwa. Ubuchule bokushicilela babungekaziwa, wenziwa ngendlela ecothayo nedinisayo umsebenzi wokuba imiqulu yalomsebenzi iphinda-phindwe; kodwa oku kwenziwa, baza abantu baseEngland bayifumana iBaibile ngolwimi lwabo. Ngalendlela ke ukukhanya kweliZwi likaThixo kwaqala ukuyithi tyaba imitha yako ebengezelayo yanqumleza ubumnyama. Isandla sikaThixo sasilungiselela indlela yoHlaziyo oluKhulu.IL 302.3

    Isimemo ezingqondweni zoluntu sabavusa ekuthobeleni kwabo ngenkothamo inkolo yobu-popi. IziBhalo zamkelwa ngothando zezona ndidi ziphakami- leyo, ezazizizo kuphela kweso sizukulwana ezazikwazi ukufunda. U-Wycliffe ke ngoku wafundisa ezona mfundiso zicacileyo zobuProtestante, ezizezi, usindiso ngokholo kuKristu, nokuba iBaibile yinto eyodwa engenamposiso. Ababingeleli abaninzi bathelela kuye ekuyisasazeni iBaibile nasekuzishumayeleni iindaba ezilungileyo; saza sasikhulu isiqhamo salomsebenzi nowezibhalo zikaWycliffe ngangokuba lenkolo intsha yamkelwe ngabamayela nesiqingatha sabantu baseEngland. Ubukumkani bobumnyama bangcangcazela.IL 302.4

    Imizamo yeentshaba zakhe yokuwuthintela umsebenzi wakhe nokubucima ubomi bakhe ayiphumelelanga ngokufanayo, waza kumnyaka wakhe wamashumi amathandathu anesihlanu wafa eseluxolweni esemsebenzini kanye wasesibingelelweni.IL 303.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents