Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Inkokeli Ezintlaziyweni

    Ngokuvuma kukaThixo wagqiba ukuba atyelele eRoma. Kwa kudingwe isiqiniselo soxolelo ngu-popi kubo bonke abaya kukhasa ngamadolo benyuke izinyuko ezazibizwa ukuba zezikaPilato. U-Luther ngenye imini wayesenza esi senzo, kwaza ngesiquphe kwavakala izwi elingathi yindudumo lisithi kuye, “Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo!” Wesuka wema ngeenyawo eneentloni esoyika, wabaleka wemka kulendawo yobuyatha bakhe. Loo ndima ayizange ilahlekane namandla ayo emphefumlweni wakhe. Ukususela kwelo xesha wakubona ngokucacileyo kunangaphambhili ukukhohlisa kokuthembela emisebenzini yomntu ukuze kuzuzwe usindiso, kwa nemfuneko yokholo oluhleliyo ezimfanelweni zesimilo sikaKristu. Amehlo akhe ayevuliwe, engasokuze kwakhona abuye avalwe kuzo iinkohliso ezibuSatana zobu-popi. Akuba eyifulathele iRoma wayeguqukile nangentliziyo, kwaza ukususela kweloxesha umahluko waya usanda ngokwanda, wada wazahlula kwaphela nebandla lobu-popi.IL 307.2

    Emva kokubuya kwakhe eRoma, uLuther wavuzwa kwisiKolo esiPhakamileyo sase Wittenberg ngewonga lokuba ulichule leziBhalo (doctor of divinity). Ngoku wabasenkululekweni yokuba alinikele lonke ixesha lakhe, ngendlela angazange alinikele ngayo ngaphambhili, eziBhalweni eziNgcwele awaye zithanda. Wayenze isifungo esindilekileyo sokuqwalasela ngenyameko ashumayele ngokunyanisa iliZwi likaThixo, ingabi zizo iintetho neemfundiso zoo-popi, yonke imihla yobomi bakhe. Ngoku waye ngaselilo nje igogo okanye injinga, kodwa waye ngumvakalisi ogunyazisiweyo weBaibile. Wayebizwe njengomalusi ukuba adlise umhlambhi kaThixo, owawulambhele unxanele inyaniso. Watsho ngesibindi ukuthi amaKristu makangamkeli nayiphina enye imfundiso ngaphandle kwezo zisekwe phezu kwegunya leziBhalo eziNgcwele. Loo mazwi abetha kanye esisekweni sokongamela kobu-popi. Ayephethe owona moongo woHlaziyo.IL 307.3

    U-Luther ngoku wangena ngesibindi emsebenzini wakhe wokuba ngumkhuseli wenyaniso. Izwi lakhe laviwa eseqongeni enika isiyalo esicengayo, nesmdilekileyo. Wabeka phambhi kwabantu isimo esonakalisayo sesoono, wabafundisa ukuba yinto engenakwenzeka ukuba umntu, ngemisebenzi yakhe, anciphise ubutyala okanye asiphephe isohlwayo. Akukho nto yimbhi ngaphandle kokuguqukela kuThixo nokukholwa kuKristu enokumsindisa umooni. Ubabalo lukaKristu alunakuthengwa; lusisipho sesisa. Wabacebisa abantu ukuba bangazithengi iziqiniselo zoxolelo (indulgences), kodwa ma bakhangele ngokholo kumKhululi owabethelelwa emnqamlezweni. Wachaza awakhe amava abuhlungu okufuna ngaphandle kwempumelelo ukuzuza usindiso ngokuzithoba nokuzithuthumbhisa, wabaqinisekisa abaphulaphuli bakhe ukuba kwaba ngokuwasusa amehlo akhe esiqwini sakhe akholwe kuKristu ukuze afumane uxolo novuyo.IL 308.1

    Iimfundiso zikaLuther zayitsala ingqalelo yabo bonke abantu abacingayo kulo lonke elaseJamani. Kwaphuma kwiintshumayelo zakhe nezibhalo zakhe imitha yokukhanya eyavuselela yaphembhelela amawaka. Ukholo oluphilileyo lwaluthabatha indawo yokwenza nje isiko elalihleli kuko ibandla ithuba elide kangaka. Abantu imihla le babephelelwa lithembha ezinkolweni zobuRoma. Imivalo yenkcaso yayidilika. IliZwi likaThixo, uLuther awaye zicikida ngalo zonke iimfundiso nalo lonke ibango, lalifana nekrele elintlangothi mbhini, licanda livule indlela yalo liye ezintliziyweni zabantu. Kwiindawo zonke kwakukho ukulambhela nokunxanela ubulungisa okungazange kwaziwe amaphakade amaninzi. Amehlo abantu, awayekhangeliswe ixesha elide kwizithethe zabantu nabalamleli abangabantu, ngoku ayejikela, ngokuzohlwaya nangokholo, kuKristu naye ebethelelwe emnqamlezweni.IL 308.2

    Izibhalo zomHlaziyi lo kwa neemfundiso zakhe zazihambha ziye kufikelela kulo lonke uhlanga lobuKristu. Umsebenzi wahambha waya kufika eSwitzerland naseHolland. Imiqulu yezibhalo zakhe yaya kufikelela eFrance naseSpain. E-England iimfundiso zakhe zamkelwa njengelizwi lobomi. E-Belgium naseltali kwangokunjalo yayakufika inyaniso. Amawaka ayevuka ebuthongweni bawo obufana nokufa esiya eluvuyweni nasethembheni lobomi ngokholo.IL 309.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents