Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ekuphela Kwendlela Ekhoyo Yosindiso

    Izithunywa zaziphosa phantsi phambhi kwakhe. Zanikela ngobomi bazo. UYesu wathi kuzo ngokufa kwakhe wayeza kusindisa abaninzi, nokuba ubomi besithunywa babungenako ukulihlaula ityala. Bubomi bakhe kuphela obabu nokwamkeleka kuYise njengentlaulelo yomntu. UYesu kananjalo wazixelela ukuba zaziza kuba nenxaxheba kulomsebenzi, zibe naye zithi ngamaxesha athile zimomeleze; nokuba wayeza kuthabatha imo yomntu owileyo, aze amandla akhe angalingani nawo nawazo, nokuba zaziza kuba ngamanqhina okuthobeka nokubandezeleka kwakhe okukhulu; nokuba zaziza kuthi zakuba zikubona ukubandezeleka kwakhe nentiyo yabantu ngakuye, zichukunyiswe lusizi olukhulu, zithi ngenxa yokumthanda kwazo zifune ukumhlangula kubabulali bakhe; kodwa kwakungafuneki ukuba zithabathe manyathelo okuyithintela nayiphina into eziyibonayo; nokuba zaziza kuba nenxaxheba eluvukweni lwakhe; nokuba icebo losindiso laliyiliwe, waza uYise walamkela.IL 39.1

    Enosizi olungcwele uYesu wazithuthuzela wazikhuthaza izithunywa wazixelela ukuba kamva aabo aya kubasindisa baya kuba naye, nokuba ngako ukufa kwakhe uya kukhulula abaninzi ambhangise lowo unamandla okufa. UYise ke wayeza kumnika ubukumkani nobukhulu bobukumkani obuphantsi kwalo lonke izulu, bube bobakhe ngonaphakade kanaphakade. USatana nabooni wayeza kutshatyalaliswa, angabuye aphinde alidube izulu okanye umhlaba ohlanjululweyo. UYesu wawubongoza umkhosi wezulu ukuba uzixolise ngelicebo uYise alamkeleyo uvuye ukuba ngenxa yokufa kwakhe umntu owileyo enokuphakanyiselwa kwakhona ekuthandweni nguThixo alixhamle izulu.IL 40.1

    Uvuyo, uvuyo olungenambhaliso, lwalizalisa izulu. Umkhosi wezulu wavuma ingoma yokudumisa nokuzukisa. Zazichukumisa iihadi zazo zavuma ngamazwi aphakamileyo kunangaphambhili ngenxa yenceba enkulu nokuthumakalala kukaThixo ekuncameni uNyana wakhe oyintanda ukuba afele uhlanga lwabavukeli. Indumiso nombongo wathululwa ngenxa yokuzincama nokuzibingelela kukaYesu; ukuvuma kwakhe ukusuka esifubeni sikaYise anyule ubomi bokubandezeleka nobentlungu, afe ukufa kwehlazo ukuze anike ubomi kwabanye.IL 40.2

    Sathi isithunywa, “Ucinga ukuba uYise wamncama uNyana wakhe oyintanda ngaphandle komzamo? Nakanye, Nakanye. NakuThixo wezulu yaba ngumzamo, ukuba angamyeka na umntu atshabalale, okanye anikele uNyana wakhe oyintanda ukuba amfele.” Izithunywa zezulu zazikunonelele ukusindiswa komntu ngangokuba kube nokufunyanwa phakathi kwazo ezo zazi ngabuncamayo ubuqaqauli bazo zinikele ubomi bazo ngenxa yoluntu olutshabalalayo, “Kodwa,” satsho isithunywa esihambha nam, “oko kwa kungenakunceda lutho. Isikreqo sasi sikhulu ngangokuba ubomi besithunywa sezulu bungabi nako ukulihlaula ityala. Kwa kungekho nto engaphandle kokufa nezibongozo zoNyana wakhe eyayi nokuhlaula ityala lokusindisa umntu olahlekileyo elusizini nasebubini obungenathembha.”IL 40.3

    Umsebenzi wazo ke izithunywa zazi wunikiwe, lowo wokunyuka zizihla zinomathunga wokomeleza ovela eluzukweni wokuphulula uNyana kaThixo ekubandezelekeni kwakhe zimlungiselele. Kananjalo umsebenzi wazo wawuza kuba kukukhusela zigcine ababusi abababalweyo kwizithunywa ezikhohlakeleyo nakubumnyama uSatana asoloko ebaraqa ngabo. Ndabona ukuba uThixo waye ngenako ukuwujika okanye awuguqule umthetho wakhe ukuba asindise uluntu olulahlekileyo olutshabalalayo; ngako oko ke wamvumela uNyana wakhe oyintanda ukuba afele izigqitho zoluntu.IL 41.1

    USatana kunye nezithunywa zakhe wagcoba kwakhona kukuba abenako, ngokubanga umntu ukuba awe, ukuthoba uNyana kaThixo kwisihlalo sakhe esiphakamileyo. Wazixelela izithunywa zakhe ukuthi, akuba uYesu ethabathe imo yomntu owileyo, uya kuba nokumoyisa akuthintetle ukuphunyezwa kwecebo losindiso.IL 41.2

    Ndamboniswa uSatana enjengoko waye njalo ngaphambhili, esisithunywa esichwayitileyo, esiphakamileyo. Ndaphinda ndamboniswa enjengoko anjalo ngoku. Use nokumila kokumkani. Inkangeleko yakhe isabukeka, kuba usisithunywa sezulu esiwileyo. Kodwa imbhonakalo yobuso bakhe buzaliswe lixhala, ukungonwabi, ikhwele, intiyo, ububi, inkohliso, nayo yonke inkohlakalo. Ibunzi elalifudula libukeka, ndalibalula ngokukodwa. Ibunzi lakhe laliqalela emehlweni ukuthambheka. Ndabona ukuba wazinikela ithuba elide enkohlakalweni ngangokuba zonke iimpau zobuhle zonakale, zahluma zonke iimpau zobubi. Amehlo akhe ayenobuqhophololo, nobuqhinga, ebonakalalisa ubunzulu obukhulu. Isiqu sakhe sasi sikhulu, kodwa inyama yayijinga ezandleni nasebusweni bakhe. Xa ndandimkhangele, isilevu sakhe sasayame esandleni sakhe sasekhohlo. Waba ngathi unengcinga enkulu. Kwakukho uncumo ebusweni bakhe, olwandenza ndagubha, lwaluzele yinkohlakalo nabubuqhinga bobusatana. Olu ncumo lolo abanalo kanye ngaphambhi kokuba amfumane lowo asemva kwakhe, aze xa abakhonkxayo aabo abafumeneyo esibatheni sakhe, oluncumo loyikeke.IL 41.3

    Ngokuthobeka nangosizi olungenakuchazwa uAdam noEva bawushiya umyezo omhle ababe chwayite kangaka kuwo kwada kwaba lixesha lokungawuthobeli kwabo umthetho kaThixo. Impepho yayiguqukile. Yayi ngasahleli ingaguquki njenga ngaphambhi kokuba boone. UThixo wabambhesa ngezintsu ukubakhusela kubucekeceke ababeziva benabo kwa nakubushushu ababe sisichenge kubo.IL 42.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents