Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 48—Inkqubela-Phambili Yohlaziyo

    UKUMKANI omtsha, uCharles wesiHlanu, wahlala etroneni yaseJamani, zaza izigidimi ezimele iRoma zakhauleza ukuya kunika imbheko yazo, zimcenge uku-mkani ukuba asebenzise igunya lakhe ekuluchaseni uHlaziyo. Ngelinye icala umLauli waseSaxony, ekwakuxhomeke kuye ngokukhulu ukubekwa kuka Charles isitsaba, wamcenga ukuba angathabathi manyathelo okuchasana noLuther engathanga ampulaphule kuqala.IL 311.1

    Ingqalelo yamacala onke ngoku yayijonge kwingqungquthela yamazwana aseJamani eyayibizelwe eWorms kamsinya emva kokubekwa kukaCharles etroneni yobukumkani. Kwa kukho imicimbhi ebalulekileyo yombuso nezinye izinto ezifuna ukuqwalaselwa leliqumru lohlanga; kodwa ezi zaba ncinane xa zithelekiswa nomcimbhi womfungeli-busoka waseWittenberg.IL 311.2

    U-Charles wayemyalele ngaphambhili umlauli ukuba aze naye uLuther phambhi kweQumru elilaulayo, emqinisekisa ukuba umHlaziyi uya kukhuselwa ekuphathekeni kakubi, avunyelwe ukuba athethe ngokukhululekileyo nalowo unelungelo lokuxoxa naye ezingongoma kuphikiswana ngazo. U-Luther wayelangazelela ukuya kubonakala phambhi kokumkani.IL 311.3

    Izihlobo zikaLuther zazisoyika zilusizi. Ngokuyazi indlela achaswe nathiywe ngayo, zoyikela ukuba nesisithembhiso sokhuselo asiyi kuhlonelwa, zaza zambongoza ukuba angabubeki esichengeni ubomi bakhe. Waphendula ngokuthi: “Abakapopi abanqweneli kuya kwam eWorms, kodwa banqwenela ukugwetywa nokufa kwam. Akunanto. Musani ukuthandazela mna, kodwa thandazelani iliZwi likaThixo.”IL 311.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents