Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U-Luther Phambhi kweQumru

    Kungabanga kudala uLuther wema phambhi kwequmru. Ukumkani wayehleli etroneni. Wayengqongwe zezona zinhanha ziphakamileyo zobukumkani. Kwa kungazange kubekho ndoda eyakha yabonakala phambhi kwenkundla enobungangamsha njengaleyo uMartin Luther wayeza kuphendula kuyo ngenkolo yakhe.IL 311.5

    Ukubonakala kwakhe kulonkundla kwaba luloyiso oluphandle lwenyaniso. Into yokuba indoda eyayigwetyiwe ngu-popi ize kuma phambhi kwenye inkundla yayi kukukhanyela ngokusenyanisweni igunya elingaphezulu lika-popi. Um-Hlaziyi, esingelwe phantsi, wakhutshwa ebudlelaneni nabanye abantu ngu-popi, wayeqinisekiselwe ukhuselo, wanikwa nokuphula-phulwa zezona zidwangube ziphakamileyo zohlanga. IRoma yayimyalele ukuba athi cwaka, kodwa wayeza kuthetha phambhi kwabantu abangamawaka abavela kuzo zonke iindawo zobuKristu. Ngokuphola eseluxolweni, kodwa ekhalipile ngokuncomekayo efanelekile, wema njengenqhina likaTixo phambhi kwezikhulu zehlabathi. U-Luther wayinika impendulo yakhe ngelizwi eliphantsi nelithobekileyo, ngaphandle koburalarume okanye umsindo. Wayekhangeleka ngokuhlonelekileyo nangokubekekileyo ; kanti noko wabonakalalisa ithembha novuyo olwayikhwankqisayo inkundla.IL 312.1

    Aabo bawavalayo ngenkani amehlo abo ekukhanyeni, bazimisela ukuba banganeliswa yinyaniso, bazaliswa ngumsindo ngamandla amazwi kaLuther. Akuba ephezile ukuthetha, isithethi senkundla sathi ngomsindo, “Akuwuphendulanga umbuzo obhekiswe kuwe. . . .Ulindelwe ukuba unike impendulo etsolileyo necacileyo. . . .Uza kuroxa na, okanye hayi?”IL 312.2

    UmHlaziyi uphendule wathi: “Njengoko mhlekazi omhle kwakunye nezinhanha eziphakamileyo nifuna kum impendulo ecacileyo, elula, netsolileyo, ndiya kuninika, kwaye yiyo le ke: Andinako ukuyinikela inkolo yam nokuba kuku-popi okanye kumaqumru, ngokuba kucace njengemini ukuba baphosisile futhi baphikisana futhi. Ngaphandle ke kokuba ndaneliswe ngobunqhina beziBhalo, okanye ngeyona icacileyo ingxoxo, nangaphandle kokuba ndikhokelwa ngalemihlathi ndiyicaphuleyo, nangaphandle kokuba ngalendlela isenze isazela sam sibotshwe liliZwi likaThixo, andinako ndaye ndingayi kuroxa, kuba ku- yingozi emKristwini ukuba athethe ngokuphikisana nesazela sakhe. Ndimi apha ke, andinakwenza kumbhi; wanga uThixo angandinceda. Amen.”IL 312.3

    Yema ngoluhlobo ke lendoda ililungisa, phezu kwesiseko esiqinisekileyo seliZwi likaThixo. Ukukhanya kweZulu kwabukhazimlisa ubuso bakhe. Ukuphakama nobunyulu besimilo sakhe, ukuxola nokuvuya kwentliziyo yakhe, ezi zinto zazibonakala kubo bonke xa wayenqhina ngokuchasene negunya lobuxoki wanqhina ngokugqithisa kwamandla olokholo olweyisa ihlabathi.IL 313.1

    Wema wathi nkqi okweliwa, logama amaza egunya lehlabathi ayentlitha kuye engamenzakalisi. Amandla acacileyo amazwi akhe, ukuma kwakhe okungenaloyiko, iliso lakhe elizolileyo, elithethayo, nokuzimisela okungashukumiyo okuvakaliswa elizwini ngalinye nakwisenzo ngasinye kweenza umbhalo onzulu phezu kwequmru. Kwacaca ukuba akanakucengeka nokuba kungamadinga okanye ngezisongelo, ukuba azithobele phantsi komyalelo weRoma.IL 313.2

    U-Kristu wayethethe ngobunqhina bukaLuther ngamandla nangokubukeka okwazizalisa izihlobo neentshaba ngentlonelo nangokukhwankqiswa. UMoya kaThixo wawukho kweloqumru, uzichukumisa iintliziyo zabalauli bobukumkani. Iqela lamatshawe akuvuma ngokuphandle ukulunga komsebenzi kaLuther. Baninzi abakholwayo yinyaniso, kodwa kwabanye izimvo ezazuzwayo azihlalanga thuba lide. Kwa kukho olunye udidi olungazange kwa ngeloxesha luzivakalise izimvo zalo, kodwa lwathi, lwakuba luziphengulule ngokwalo iziBhalo, lwalumela ngokukhalipha okukhulu uHlaziyo, ngexesha elisemva koku.IL 313.3

    Umlauli uFrederick wayekhangele phambhili ngolangazelelo ekubonakaleni kukaLuther phambhi kweQumru, waza ebindekile ngokunzulu wayiphula-phula intetho yakhe. Wachwayitiswa kukukhalipha nokomelela nokuzeyisa kwelichule, waziqhayisa ngokuba ngumkhuseli wakhe. Wawathelekisa lamaqela aphikisanayo, wabona ukuba ubulumko boo-popi, nookumkani, nabaveleli benziwe into engento ngamandla enyaniso. Ubu-popi baboyisiwe ngendlela eya- yiza kuvakala phakathi kweentlanga kuwo onke amaphakade.IL 313.4

    Ukuba umHlaziyi waye yekelele nje ingongoma enye, uSatana nomkhosi wakhe ngebabe zuze uloyiso. Kodwa ukomelela kwakhe okungashukumiyo kwaba yindlela yokulikhulula ibandla nokuqalisa kwexesha elitsha nelilunge ngaphezulu. Impembhelelo yalendoda inye, eyazimisela ukucinga izisebenzele ngokwayo kwizinto ezisingisele elunqulweni, yayiza kulichukumisa ibandla kwa nelimiweyo, kungabi ngelixesha lakhe kuphela, kodwa kuzo zonke izizukulwana ezilandelayo. Ukomelela nokuthembheka kwakhe kwakuza kubomeleza bonke, kude kube sekupheleni kwexesha, aabo bangathi baphumele kumava afana nawakhe. Igunya nobungangamsha bukaThixo bawongamela amacebo abantu, balongamela igunya elinamandla likaSatana.IL 314.1

    Ndambona uLuther ukuba uyavutha unozondelelo, akanaloyiko, ukhaliphile, ekusohlwayeni isoono nasekuyimeleni inyaniso. Wayengakhathalele mntu ukhohlakeleyo okanye na-demon; wayesazi ukuba unaLowo ngakuye unamandla ngaphezu kwabo bonke. U-Luther waye nozondelelo, isibindi, nokhalipho,. kwaye ngamanye amaxesha waye sengozini yokugabadela. Kodwa uThixo wavelisa uMelancthon, owaye nesimilo esimelene nesakhe, ukuba ancede uLuther ekuwuqhubeni umsebenzi wohlaziyo. U-Melancthon, waye ngumnyewu, enoloyiko, elumkile, enonyamezelo olukhulu. Wayethandekile kakhulu kuThixo. Wayezazi iziBhalo kakhulu, nogwebo nobulumko bakhe buncamisile. Ukuwuthanda kwakhe umsebenzi kaThixo kwa kulingana nokukaLuther. Iintliziyo zalamadoda uThixo wazimanya; aye zizihlobo ezingenakwahlulwa. U-Luther waye luncedo olukhulu kuMelancthon xa esengozini yokuba noloyiko azizilize, waza uMelancthon naye ngokunjalo waba luncedo olukhulu kuLuther xa esengozini yokukhauleza ngokugqithileyo.IL 314.2

    Ubulumko bukaMelancthon obukhangela kude bayiphepha futhi ingozi eyayingawuhlelayo umsebenzi ukuba wawuyekelwe kuphela kuLuther; kwaye amaxesha amaninzi umsebenzi wawungasoze uhambele phambhili ukuba wawuyekelwe kuMelanchthon yedwa. Ndaboniswa ubulumko bukaThixo ekunyuleni lamadoda mabini ukuba aqhube umsebenzi wohlaziyo.IL 314.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents